AmaZulu aziphindezele kwiChiefs edlale into encinci

AmaZulu afumene amanqaku amathathu emdlalweni weDStv Premiership wanamhlanje emva kokubetha iKaizer Chiefs edlale umdlalo ongancumisiyo. Iqela likaBenni McCarthy lithe chu nokuphumelela imidlalo ebalulekileyo – kodwa lincumile ngakumbi namhlanje emva kokuziphindezela kwiChiefs eyalivisa ubuhlungu emdlalweni wokuqala. Amakhosi aqale kakubi ngokulahlekelwa nguHappy Mashiane – ophume emdlalweni imizuzu ilishumi elinesihlanu qha ngenxa yokonzakala.

Indawo yakhe ithathwe nguLebogang Manyama — ophinde wakhutshwa ekuqaleni kwesigaba sesibini somdlalo. AmaZulu ngawona aqale umdlalo kakuhle kuneChiefs ebidlalela ebaleni layo. Ibhola ezanywe nguLuvuyo Memela ibanjwe ngu-Itumeleng Khune – obenexesha elide etyiswa isikim nguDaniel Akapeyi. Kodwa Usuthu luzibonakalise ukuba lifuna impumelelo ngethuba ibhola ka-Augustine Mulenga ibetha epalini. Kanye kwixesha elongezelelweyo, uMulenga ufake igowuli emva kokuba uEric Mathoho ekhabe into encinci ebhokisini.

Kwesesibini isigaba somdlalo, Usuthu luthathe apho beluyeke khona kwesokuqala. Amakhosi adlale engaphelelanga emva kokuba uDarrel Matsheke ekhutshwe emdlalweni ngenxa yokufumana amakhadi atyheli. Lo nto iwasokolise kakhulu Amakhosi – kodwa azamile ukutyhala esebenzisa uManyama noReever Frosler emaphikweni. USamir Nurkovic uzamile ukunyakaza – kodwa ebefana nofakwe ebhotileni ngabadlali basemva bakaBenni.

Amakhosi afumene igowuli lokulinganisa emva kokuba uTapeli Xoki ewiswe uNurkovic ebhokisini. ULeonardo Castro, ongene kwisigaba sesibini, nguye ofake ipenela yeChiefs. Amakhosi ophulwe iintliziyo yibhola efakwe nguLehlohonolo Majoro emva kwebhola engabethwanga kakuhle nguKhune. Iinzame zeChiefs zokufumana igowuli lokulinganisa aziphumelelanga ngenxa kaVeli Mothwa – otshayele zonke iibhola ebezisiza ngakuye. Amakhosi akadlalanga kakuhle konke emdlalweni wanamhlanje.

Chiefs: Khune, Ngezana, Cardoso (Blom’), Mathoho, Mphahlele, Zulu, Matsheke, Mashiane (Manyama) (Castro), Ngcobo (Katsande), Frosler, Nurkovic.

Amalalela:: Akpeyi, Sasman, Radebe, Parker, Kambole.

AmaZulu: Mothwa, Gumede, Mabiliso, Mgwazela (Mzava), Xoki, Makhaula, Kewuti (Majoro), Magubane (Maduna), Mthembu (Ntuli), Memela (Mlambo), Mulenga.

Amalalela:: Mbatha, Masilela, Sikhakhane, Tshabalala.