Amazulu FC abethwe ahamba kancinci yiPirates emdlalweni wePSL!

Thembinkosi Lorch of Orlando Pirates tackled by Nhlanhla Vilakazi of AmaZulu during the Absa Premiership 2018/19 match between Orlando Pirates and AmaZulu at the Orlando Stadium, Soweto on the 23 February 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

AmaZulu FC
abethwe ahamba kancinci yi-Orlando Pirates ebivuke inj’ebomvu. EZimnyama zivuthulule
Usuthu ngamagowuli amane kwelinye (4-1) emdlalweni we-Absa Premier Soccer
League obumhle ngeyona ndlela imangalisayo e-Orlando Stadium ebusuku namhlanje.
IPirates inyukele kwindayo yesibini, itsiba ngaphaya kweMamelodi Sundowns edlale
ntanganye ngegowuli elinye neBidvest Wits emdlalweni obunamhlanje. Usuthu
liqale latsazisa igazi ngegowuli elifakwe nguJabulani Ncobeni emva kokufumana
ibhola entle kuMichael Morton kanti lizinqikela ilitye elineembovane. Emva koko
abadlali bePirates batshawuze okwemibane ebaleni bekhangela indlela yokufumana
igowuli. Amagowuli weBucs afakwe nguKudakwashe Mahachi, uLuvuyo Memela, uJustin
Shonga noBen Motswari.

AmaZulu FC
awuqale kakuhle umdlalo, neenzawo zawo ziye zanemiphumela emihle ngethuba
efumana igowuli kuqala emdlalweni. Izinto zonakele yakufumana igowuli
lokulinganisa iPirates. UThembinkosi Lorch, uMeme noVincent Pule bebehlasela
macala onke futhi iibhola zabo ziyingozi. Abadlali baMaZulu emva abakwazanga
ukumelana nabadlali bePirates ababalekayo. UMusa Nyatama noXola Mlambo
baqinisekise ukuba iifolosi zifumana iibhola ezintle emdlalweni. Akukho nto
ingako enokubaliswa ngaMaZulu kwisigaba sesibini ngoba umdlalo wawo
ubungahlangananga futhi noNtuli, ifolosi yawo, idlale into engacacanga.

 

Orlando Pirates: Sandilands, Ndengane,
Munetsi, Maela, Motshwari, Nyatama, Memela, Pule, Mahachi, Lorch, Shonga.

Amalalela:
Mpontshane, Mbekile, Marcelo, Mlambo, Makola, Mulenga, Gabuza.

AmaZulu FC: Mbatha, M.Gumede, Sikhakhane,
P.Gumede, Nyongo, Morton, Chawapihwa, Vilakazi, Sithebe, Ncobeni, Ntuli.

Amalalela: Josephs,
Van Heerden, Darpoh, Maduna, Ramphela, Ntsundwana.