AmaZulu oyiswe kukubetha iChippa United ebingaphelelanga ebaleni

UTshepang Moremi waMaZulu noJustice Chabalala weChippa United emdlalweni weDStv Premiership obuseNelson Mandela Bay Stadium namhlanje. Umfanekiso: ©Deryck Foster/BackpagePix

AmaZulu abuyela ekhaya iintliziyo zawo zigobile emva kokuba ephuncule impumelelo sele isesandleni. Oku kwenzeke emva kokuba AmaZul ebambene neChippa United ngo’1-1 emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Kuye kwanyanzeleka ukuba iChippa United igqibe umdlalo ngabadlali abalithoba ngenxa yamakhadi abomvu ababini.

Ngenxa yeso sizathu, inqaku elinye yinto enkulu kuyo ngoba ilifumene isengxakini. Amathuba okuphumelela umdlala ebekhona macala omabini. Indlela yokuwasebenzisa yeyona ethe yayingxaki macala omabini. Nakubeni iqela laseMpuma Koloni lidlale ixesha elide lingaphelelanga – kodwa liqhubele phambili nokulwela ukufumana amanqaku amathathu emdlalweni odlalwe kukubi ngenxa yokuna kwemvula.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla AmaZulu enegowuli elifakwe nguMbongeni Gumede. Ilwile iChippa United kwisigaba sesibini. Bekunyanzelekile ukuba izame ngoba ibidlalela ekhaya futhi ingafuni ukubethwa imidlalo ilandelelana phambi kwabalandeli bayo. Ngelishwa layo, uThabo Lebitso ufumene ikhadi elibomvu umdlalo usaqala kwisigaba sesibini. Lo nto inike amandla AmaZulu okulawula umdlalo. Usuthu lilawule umdlalo – kodwa into elingayifumananga ligowuli lokusonga umdlalo.

Ekuzeni kuphela komdlalo, uKambindu unikwe ikhadi elibomvu ngenxa yokudlala kakubi uEthan Brooks. Abadlali baMaZulu bagoduke bengaxolanga emva kokuba usompempe enike iChippa United igowuli elingene emva kokuba uVeli Mothwa etshovwe waphuncula ibhola eyibambile. Kuye kwanyanzeleka amaqela omabini ukuba abelane ngenqaku elinye ekupheleni komdlalo. UMorgan Mammila uzamkele iziphumo zomdlalo ngovuyo ngoba iqela lakhe lizuze inqaku lidlala ngabadlali abangaphelelanga ebaleni.