‘Amazwe esidlala nawo ayabetheka nawo’ – Katsande

UWillard Katsande weKaizer Chiefs

Amathemba wabantu abazinze emazantsi e-Afrika bazakuwabeka kwiZimbabwe – elona lizwe elikwazileyo ukuba yinxalenye ye-2017 Africa Cup of Nation.

Amazwe afana noMzantsi Afrika, i-Angola neMozambique awe phantsi kweli tyeli. Nangona ungekho uMzantsi Afrika neNigeria – kodwa umgangatho wetumente uzakuxhoma ngenxa yokukhuphiswano oluphakathi kwamazwe anje ngeGhana, Algeria, Egypt, Mali neentshatsheli ezikhuselayo i-Ivory Coast. Baphaya kwisibhozo abadlali beZimbabwe abadlala kwi-Absa Premier Soccer League abazakuthath’inxaxheba kwi-2017 Afcon, lo nto izakubangela amehlo wabantu boMzantsi Afrika anamathele kuyo.

IZimbabwe iya kweyona tumente inkulu e-Afrika emva kokulinda iminyaka ephaya kwishumi elinesibini. Abadlali bayo bazakufuna ukulwela ukuya kwimijikelo elandelayo nangona ithelekiswe namazwe anobungozi kakhulu afana ne-Algeria, iTunisia neSenegal.

Omnye wabadlali abathe banegalelo ekuyeni kweWarriors kule Afcon nguKhama Billiat, ofake amagowuli amathathu kwimidlalo ehlakulela le tumente esingathwa yiGabon kulo nyaka.

Lo mdlali ukwiqondo eliphezulu kumdlalo wakhe kwaye uya kule midlalo umoya wakhe uphezulu emva kokunceda iMamelodi Sundowns kwimpumelelo yayo eyizuze kwiPSL nakwiCAf Champions League.

UBilliat uzakuncedisana ngabanye oorhasatsha beefolosi abafana noKnowledge Musona, uTendai Ndoro noKudakwashe Mahachi. Omnye wabadlali ababalulekileyo kwiZimbabwe nguWillard Katsande – injineli ezakube isenza umsebenzi omkhulu esiswini.

UKatsande uxelele i-Amakhosi Magazine ukuba baya eGabon bewazi umsebenzi abajamelene nawo kwaye bazimisele ukulwa. “Ndicinga ukuba siliqela elinesakho namandla wokubamba indawo ephezulu kuGroup B. Sithi kuphela ilizwe elimele amazantsi e-Afrika. Siyisebenzele nzima le ndawo sikuyo. Into endingayithetha kukuba akuzubalula ukubetha thina. Amazwe esidlala nawo ayabetheka nawo,” utshilo uKatsande.

pedro.mapelo@inl.co.za