Amehlo abekwe kumaqela aseMpuma Koloni kwiHollywoodbets League

Isizini isaqala abalandeli bebhola ekhatywayo baseMpuma Koloni bawelwe lithamsanqa lokufumana idabi lamaqela amabini adlala kwiHollywoodbets Super League. Ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo, iCity Lads yaseGqeberha iza kwamkela iThunderbirds Ladies yaseGcuwa emdlalweni weHollywoodbets Super League oza kube useWolfson Stadium. Nangona isizini isaqala namaqela esazama ukudibanisa abadlali kwiindawo ezithile – kodwa kulindeleke ukuba atyakatyane amaqela amanenekazi aseMpuma Koloni. La ngamaqela alibhongo ebantwini baseMpuma Koloni abathanda ibhola ekhatywayo.

Ayingomanqaku kuphela into eza kube ilwelwa ngoMgqibelo, elo nelo iqela liza kulwela indawo ebhetele kunelinye. Isizini yeSuper League ivulwe kakuhle ngemvula yamagowuli abalelwa kumashumi amathathu. Abatshakazi beHollywoodbets, iCity Lads, babethwe ngo’2-1 yiWestern Cape emdlalweni wokuqala. Kwiveki ephelileyo iCity Lads ivuthululwe ngo’7-3 yiTUT FC. Kanti yona iThunderbirds Ladies ivule isizini ngendlela encumisayo. Ibethe iGolden Ladies ngo’2-1 yaze yalandelisa ngokubetha iDurban Ladies ngo’1-0. Emva kokuphulukana nemidlalo emibini, iCity Lads iza kuya emdlalweni ikhangela indlela yokujika izinto.

Nangona ukubetha iThunderbirds Ladies enabadlali abanamava iyinto eza kuyinzimela iCity Lads – kodwa yeyona engayinceda isizini isaqala. Kwakufuneka uzame ukuqiniseka ngovala amagowuli ukuze iqale ukuphumelela imidlalo. Kuyo yomibini imidlalo ikwazile ukufaka amagowuli – kodwa ithoba lamanqaku elifakwe kuyo liphawu elibonisa ukungahambi kakuhle kwezinto. Kwelayo icala iThunderbirds ngeke ivume ukubethwa noba idlalela eGqeberha na. Ukuphumelela imidlalo emithathu yeyona nto eza kufunqula imimoya yamadlali isizini isaqala.