‘Anayo indawo yokusidelela amadoda’

UNosisa Msindeli ngumqeqeshi osakhulayo emanqindini kwaye uzimisele ukukhula kuwo. Umfanekiso: Pedro Mapelo / I'solezwe lesiXhosa

Amanqindi ngumdlalo othandwayo ngabantu bawo – kodwa ayingomdlalo olula ngakumbi kumanenekazi kuba udlalwa kakhulu ngamadoda. Ubuninzi bawo amadoda aye acinge ukuba amanqindi ngawawo kuphela, nto leyo ebasokolisayo abo bangengomadoda. UNosisa Msindeli lelinye lamanenekazi ambalwa azimisele ukwenza umahluko kulo mdlalo wamanqindi. “Ndingumqeqeshi apha emanqindini,” utshilo uMsindeli.

UMsindeli ngumqeqeshi kwiSisonke Boxing Club yaseMdantsane. Wangena emanqindini kwiminyaka emibini edlulileyo emva kokuchitha ixesha elininzi kwiKarati – eyona nto akhule eyidlala. Wafakwa emanqindini nguNoma-efese noNamhla Tyhuluba. Esi sikhuthali sentokazi besiqeqesha iimbethi manqindi ezisafufuzayo ebezikhuphisana kwiBuffalo City Mayoral Cup kwiveki ephelileyo. Amanqindi yinto ayithandayo uMsindeli futhi azimisele ukuya kude kuyo. Indlela ebezimisele ngayo kule tumente yamanqindi ibonise umntu ofuna ukwenza izinto ezibonakalayo. Ubomi bakhe uMsindeli abululanga emanqindini kuba elinenekazi, ngaphezulu koko kuba amanqindi engakhulelanga kuwo. Njengokuba ephakathi ngoku ulwa nezo zinto. Zizinto ekungekho lula ukuzilwa – kodwa ngoba ungumntu oqeqeshiweyo futhi ozimiseleyo – iingxaki unyathela phezu kwazo.

Pedro Mapelo's photo.

“Ndingumntu onomdla kumanqindi akula mgangatho uphezulu. Ukusebenza nabantwana kuyandikhuthaza ngoba bayamamela kwaye benza abakuxelelwayo. Ndiyakuthanda ukubalapha emanqindini, ingase ndikhule kuwo, ndikhulise naba bantwana,” utshilo uMsindeli.

Eli nenekazi lithi kusekho izinto ezingafanelekanga abagagana nazo bengamanenekazi emanqindini. “Into endifike ndayithanda apha emanqindini kukuba kuthethwa phandle. Thina kwiKarati asizithethi zonke izinto, apha umntu uthetha nawe ngelo xesha xa kukho ingxaki. Kodwa thina manenekazi asixhaswa emanqindini. Ngamanye amaxesha kukho indawo yokusidelela emadodeni. Bayathanda ukuthi asinakuzenza izinto ezithile kuba singamanenekazi okanye kuba ndingawadlalanga ekukhuleni.