Anconyiwe Amabhokobhoko ahluth’ intlaka emlonyeni weNew Zealand!

Amabhokobhoko azicacisile kwakhona ukuba aziingangalala embhoxweni wehlabathi emdlalweni obunzima eGoli. Emva kwexesha elide iNew Zealand ihamba phambili emdlalweni, wonke umntu ebesenikezele. Impumelelo ebiza kupholisa iintliziyo ezababuhlungu ukusukela kwitumente yehlabathi eFrance ibivele ngeempondo – kodwa avuka Amabhokobhoko.

Abantu abangamashumi amathandathu amawaka abegcwalise iEmirates Airline Park Stadium, babe ngamangqina xa uMzantsi Afrika ubetha iNew Zealand ngo’31-27 emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship.

Umdlali oqinisekise ukuba uMzantsi Afrika utyumza iintliziyo zabantu baseNew Zealand kwakhona ibe nguGrant Williams olele emgceni kushiyeke imizuzu emine kuphela. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iAll Blacks iphokele ngo’12-11 futhi umdlalo ulawulwa yiyo.

Ibuye ngamandla iNew Zealand kwisigaba sesibini yalala emgceni emva koko yakhokela ngamanqaku alishumi ixesha elide. Kodwa iSpringbok khange sinikezele. Ethetha emva kommdlalo, uSiya Kolisi uthe khange banikezele ngoba baqhelene nobunzima.

“Xa sihamba emva, asixhamazeli thina. Sikhe sadibana neemeko ezinzima kakhulu emidlalweni edlulileyo – kodwa saphumelela. Kuye kwanyanzeleka ukuba siguqule indlela yokwenza emva kokuba iNew Zealand ifumene amanye amanqaku kwisigaba sesibini. Sineenkokeli ebaleni.

“Ukuba ayinguye uEben, kungena uPieter-Steph okanye abadlali abasebatsha,” utshilo uKolisi ophume emdlalweni ebokoboko ebusweni. Nakubeni kuthandabuzeka ukudlala kukaKolisi emdlalweni wangempelaveki – kodwa iSpringbok siza kulwela ukuphumelela xa sidibana neNew Zealand kwakhona eKapa.

URassie Erasmus ubancomile abadlali bakhe emva kokubetha ilizwe elilushica futhi elidlale umbhoxo obhetele eGoli. “Ndicinga ukuba abadlali benze umsebenzi omhle kakhulu ngoba yiNew Zealand edlale bhetele. Abadlali bawafumene amathuba emdlalweni – kodwa umdlalo wabo khange udibane ixesha elide.

“Sithe masiyibambe sakubona ukuba iyemkisela emva kweetrayi ezintathu. Ukudlala nokubetha iNew Zealand yinto enkulu kakhulu ebadlalini,” utshilo uRassie oncome igalelo elenziwe ngabadlali abasakhulayo abafana noSacha Feinberg-Mngomezulu, Aphelele Fassi, uBen-Jason Dixon noRuan Nortje.