Ancume olukabhulankethe Amabhakabhaka!

Dove Wome of Orlando Pirates id challenged by Wayde Jooste of Golden Arrows during the Nedbank Cup Semi Final match between Golden Arrows and Orlando Pirates on 21 May 2017 at Princess Magogo Stadium © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Amabhakaniya azibekele indawo kumdlalo wamagqibela kankqoyi weNedbank Cup emva kokubetha iGolden Arrows ngo’1-0 kumdlalo obushushu kakhulu ePrincess Magogo Stadium ngale njikalanga. Ngaphandle kwamathandabuzo uClinton Larsen akaxolanga kukukhutshwa kwindebe ebencwase ukuya phambili kuyo – kodwa indlela abadlali bakhe abadlale ngayo ingamxolisa. Amabhakabhaka ancume olukabhulankethe emva kokuzibekela indawo kumdlalo wokugqibela kwiNedbank Cup.

Ngoku iPirates izakudibana neSuperSport United kwakhona kumdlalo wokugqibela ozakube useMoses Mabhida Stadium. Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uKjell Jovenret uphakamise inqindi njengophawu loloyiso ekupheleni komdlalo. Nangona iPirates kulindeleke ivale isizini ingaphandle kwiTop 8 – kodwa ngoku inethuba lokufumana indebe nokuziphindezela kwiSuperSport United eyayibetha kwakolu khuphiswano.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iPirates ihamba phambili ngo’1-0 futhi nomdlalo iwulawula. Abadlali beBucs khange bahleke nenye kwezihlekisayo kwasekuqaleni kwalo mdlalo. UMpho Makola ufumene ithuba lokufaka igowuli kwangomzuzu wethoba umdlalo uqalile – kodwa wadlala ngalo. Akayilawulanga kakuhle ibhola ayinikelwe phambi kukanozinti we-Arrows. UThabo Matlaba noThamsanqa Gabuza nabo bebeke bazama – kodwa ngenxa yokubhuduzela kwabo abakwazanga ukulisebenzisa ithuba.

Abafana Bes’thende badlale kakuhle phaya ngasemva; uLimbikani, uNkosinathi Mthiyane noRomario Dlamini banqande amanz’ engena endlini amatyeli aliqela kulo mdlalo. Ibingayekanga ke kambe nayo i-Arrows; uKudakwashe noSiphelele Magubane bazamile ukuhlasela izihlandlo eziliqela nangona bebenzinyelwe kukugqobhoza kudonga elomeleleyo ebelakhiwe nguHappy Jele, uMarc van Heerden no-Abbubaker Mobara phaya ngasemva. Ezimnyama [Bucs] zihambe phambili kulo mdlalo emva kwebhola efakwe nguMobara kumzuzu wamashumi amathathu anesine. Kuye kwanyanzeleka ukuba uJackson Mabokgwane ayixhimfe ngamanqindi ibhola ye-Arrows ebiyingozi phambi kokuya kwixesha lokuphumla.

Emva kwekhefu athathe apho ebeyeke khona la maqela omabini, ahlaselene esebenzisa amaphiko nesantya ukuya phambili. UDove Wome obegadwe kakhulu nguMatome Mathiane noMzava kuye kwanyanzeleka adlale ejonge emva – kodwa ebengasokoli kangako ngoba ebeyifumana inkxaso kubadlali abafana no-Oupa Manyanisa noMakola. Elinye ithuba livele ngethuba kungena emadodeni kamnandi uManyisa ekunxele, wayigoba ibhola yakhe ekhangela umdlali wokugqibezela ibhola yakhe – kodwa uBilankulu uyitshayele yonke lo nto.

Abafana Bes’thende boyiswe kukusebenzisa ibhola ebibekwe phantsi kufuphi nomhlaba kaMabokgwane emva kokuwiswa kukaLerato Lamola obenikelwe ibhola entle nguMahachi. UKjell Jovenret ufake uRiyaad Norodien noGledwin Shitolo kwisigaba sesibini kuba ebefuna ukubamba aabadlali beGolden Arrows ebekubonakala ukuba bafuna ngamandla indlela yokufumana igowuli. UMabokgwane uchithe ibhola ebimbi kaMthiyane kwimizuzu yokugqibela. Ilwe kakhulu i-Arrows kwimizuzu yokugqibela yalo mdlalo – kodwa ebengafuni nova uJackson Mabokgwane ezipalini.

Golden Arrows: Gumede. Dlamini, Mathiane, Mzava, 13. Mthiyane, 28. Bilankulu, Jooste, Sibiya, Mahachi, Magubane, Mutizwa.

Orlando Pirates: Mabokgwane, Mobara, Jele, Matlaba, Van Heerden, Sarr, Makola (Gladwin Shitolo 77), Manyisa, Rakhale, Wome, Gabuza.