Andile Jali: Kutheni ndikhethe ukuya kwiMamelodi Sundowns

Andile Jali with Mamelodi Sundowns coach Pitso Mosimane on Friday. Photo: @Masandawana via Twitter

Umdlali
siswini weBafana Bafana, u-Andile Jali, ude wakhetha elona qela afuna
ukulidlalela eMzantsi Afrika. Le ndedeba yaseMatatiele ikhethe ukudlalela
iMamelodi Sundowns – apho ityikitye inkabankaba yesivumelwano seminyaka
emihlanu yonke izolo. UJali, 28, ugaleleke eMzantsi Afrika kwisithuba seenyanga
ezimbizi ezidlulileyo emva kokuphela kwesivumelwaso sakhe sengqesho neqela
lebhola ekhatywayo laseBelgium. Waya kwizwekazi laseYurophu kwiminyaka emine
edlulileyo emva kokuhlala ixesha elide kwi-Orlando Pirates awazibalula kuyo.

“Ndibuyele
eMzantsi Afrika kuba ndifuna ukuphumelela iindebe – yiyo lo nto ndikhethe
iSundowns. Ndiziva ndikhululekile njengokuba ndityikitywe yiSundowns,” utshilo
uJali emva kokuqoshelisa yonke into izolo nomqeqeshi wakhe omtsha – uPitso Mosimane.

UJali ebeke
wakhathazwa kukonzakala okungabhekelephi – kodwa ke ngoku uphile qete kwaye
novavanyo lukagqirha luhambe kakuhle. “Ekugqibeleni, yonke into igqityiwe.
Itsale ixesha elide le nto. Kodwa ke ngoku ndiza kuhlala ndikhululekile phambi
kokuqala kwesizini entsha. Ndiphilile nasekonzakaleni – ndilungele isizini
entsha emva emva kokupasa uvavanyo lukagqirha,” utshilo uJali.

UJali ebefunwa
nangamaqela afana neKaizer Chiefs nePirates emva kokuba ohlukene neKV Oostende yaseBelgium. Usihlalo wePirates, ugqirha Irvin
Khoza, uyibeke yacaca kwiveki ephelileyo into ethi uyamfuna uJali – kodwa isigqibo
sakuthathwa nguye (umdlali). “Ndizimisele ukuwabonisa amajita ukuba angayenza
le nto. Zininzi izinto endizifunde ngethuba ndidlala eBelgium,” utshilo uJali.

Nakubeni enethutyana
uJali engasayikhabi ibhola – kodwa kulindeleke ukuba alwe ngejezi nabadlali
abafana noHlompho Kekana, uTiyani Mabunda no-Oupa Manyisa awayedlala naye
kwiPirates.