Andile Mbenyane: Asifuni ukuphoxa abantu baseMpuma Koloni

Boikanyo Komane of Chippa United, and Gaston Sirino of Mamelodi Sundowns watch the ball as Andile Mbenyane of Chippa United takes it during the 2019 Nedbank Cup match between Chippa United and Mamelodi Sundowns at the Nelson Mandela Bay Stadium,Port Elizabeth on the 26 January 2019 Deryck Foster/BackpagePix

Iqela laseMpuma
Koloni, iChippa United, lifuna amanqaku apheleleyo emdlalweni wanamhlanje. Ngorhatya,
ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe, eNelson Mandela Bay Stadium, iChippa iza kwamkela
iMamelodi Sundowns emdlalweni we-Absa Premiership. IChippa izuze inqaku elinye
emdlalweni obuphakathi kwayo neStellenbosch kwiveki ephelileyo eBhayi. Umdlali weChippa
ophambili, uAndile Mbenyane, uxelele
I’solezwe lesiXhosa okokuba iqela lakhe alizimiselanga ukubaphoxa
abantu kule isizini kwaye
likulungele ukuqubisana neSundowns emdlalweni wanamhlanje. “Asikwazi ukubethwa
sidlalela ekhaya. Yeyona nto ebalulekileyo kuthi leyo. Asifuni tu ukuphoxa
abantu baseMpuma Koloni. Ukuba asikwazi ukufumana amanqaku apheleleyo
emdlalweni wanamhlanje, okungenani kufuneka sifumane libe linye,” utshilo
uMbenyane ngokukhulu ukuzithemba.

Ayikwazanga
ukufaka amagowuli iChippa United kwiveki ephelileyo xeshikweni idlala
neStellenbosch – kodwa uMbenyane uthi ibe nelishwa ngoba yeyona (iChippa) ebinamandla
emdlalweni wokuqala kule sizini entsha. Namhlanje ngorhatya, iChilli Boys iza
kudibana neSundowns ebikhe yayibethela emdlalweni weNedbank Cup kwisizini
egqithileyo – kodwa umdlalo uza kuba nzima ngoba iDowns iya eBhayi emva
kokubethwa yi-Otoho d’Oyo emdlalweni weCaf Champions League kwiveki ephelileyo.
“Sidlale kakuhle emdlalweni esiwudlale neStellenbosch nangona singakwazanga
ukufumana amagowuli. Sikulungele ukuqubisana ngqo neSundowns ngoba siyayazi.
Inabadlali abanamava futhi abasemgangathweni ophezulu – kodwa amaqela siwajonga
ngendlela efanayo ngoba akusekho qela elikhulu nelincinci ngoku ebholeni,”
utshilo uMbenyane.

Ukuze iChippa
United ikwazi ukuphumelela imidlalo kufuneka ifake amagowuli emdlalweni yayo.
UMbenyane unethemba lokuba iya kuqala emdlalweni wanamhlanje lo nto. “Sinethemba
lokufumana amagowuli emdlalweni wanamhlanje. Kunzima ukuqhelana kwabadlali
abatsha nabadala xa isaqala isizini. Sizamile ukuzilungisa iimpazo
esizenzileyo. Soze sikwazi ukuyidelela iSundowns kodwa akufuneki siyoyike.
Sidlalile nayo sayibetha apha (eBhayi) kunyaka ophjelileyo. Lo nto yabonisa
okokuba siliqela elisemgangathweni. Into ebalulekileyo kuthi ngoku kukufumana
amanqaku amathathu ukuze sikwazi ukuphepha izembe. Siyayibulela inkxaso
esiyinikwa ngabantu baseMpuma Koloni nabanye abangaphaya kwemida yayo. Sicela
baqhubele phambili nokusixhasa,” uvale ngaloo mazwi uMbenyane.