Angabuyela ekhaya uSchillo!

Omnye wabadlali abazenzele igama elihle kwi-English Premier League, uSteven Pienaar, angabuyela ekhaya emva kweminyaka elithoba edlala kumazwe aseYurophu.

UPienaar ukhululwe ngokusesikweni liqela lakhe laseNgilane, i-Everton ngempelaveki edlulileyo.

Lo mdlali oneminyaka engamashumi amathathu anesine uxikixwe kakubi kukonzakala kwezi sizini zimbini zidlulileyo. Isivumelwano sakhe sengqesho esiphela ekupheleni kwale nyanga asihlaziywanga yi-Everton ngenxa yezo zizathu.

Lo mdlali owayefudula esisiququ kwiBafana Bafana udlale ibhola ethe qabavu phantsi kukaRoberto Martinez obeyithanda kakulu indlela adlala ngayo, kwaye emnyamekele.

UPienaar waya kwi-Everton kwisizini ka’2007/8 esuka [ngemboleko] kwiqela eliphambili eJamani, iBorussia. Kwisizini elandelayo waya eNgilane ngokupheleleyo wafika wadlala phantsi kukaDavid Moyes owaduma ngobudodo kwiManchester United kule minyaka edlulileyo.

Kwinyanga ephelileyo lo mdlali wathi ukulungele ukubuyela ekhaya ukuba ithuba lokudlala eMzantsi Afrika liyavela kwakhona.

Kucingeleka ukuba yiMamelodi Sundowns, i-Orlando Pirates ne-Ajax Cape Town amaqela ekunokwenzeka amfune njengendoda ezibaluleyo ngobuchule bayo bokudlala ibhola ekhatywayo.

Phambi kokushiya i-Absa Premier Soccer League, wadlala uPienaar waziqaqambisa kwi-Ajax.