UZolani ‘Last Born’ Tete yintshatsheli yehlabathi evunyiweyo yeWBO bantamweight!
Ekugalelekeni kwakhe eGoli kuye kwabonakala ukuba kufika intshatsheli, kube njalo naseMonti – apho ebelindwe zizihlwele zabalandeli ebezivuma iingoma ezivuyisana naye.
UTete, 29, umangalise ihlabathi lonke kwiveki ephelileyo ngethuba ebethe uSiboniso Gonya kungaphelanga nomzuzu lo mnye eBelfast, eNorthern Ireland.
Ukuphumelela kukaTete yinto enkulu kweli lizwe – kodwa kukho inkxalabo yokungafumani mntu azakulwa naye.
La qhwanya amenze eBelfast, kunokwenzeka azenze nzima ngakumbi izinto xa abaphathi bakhe bezama ukuthetha namadoda afanele ukulwa naye kwilixa elizayo.
Nangona kunjalo likhona ithemba; abaphathi bakhe uTete bakhangela imbethi manqindi anokulwa nayo phambi kwePasika yonyaka ozayo. ULast Born ugaleleke eMonti exhagwe ngabaphathi bakhe nomphathiswa wezemidlalo nolonwabo kweli phondo – uPemmy Majodina.
“Kuhle ukuba sekhaya. Ndibulela wonke umntu ozokundamkela apha,” utshilo uTete emva kokugaleleka eMonti.
“Phambi komlo kuninzi kakhulu esikwenzileyo, namhlanje sibuye noloyiso. Yimbali le yenzeke kula mlo, andiqondi ukuba ukhona umntu oyakuyenza la nto kwakhona – nguLast born kuphela. Besingalindelanga ukuba umlo ungaphela kwangoko ngaleya indlela nangona besisazi ukuba ngeke uthathe ixesha elide. Mna bendijonge ukuwuqoshelisa umlo kwimijikelo emine,” utshilo uTete.
Ukuvuya kwakhe eBelfast kuye kwanyanzeleka akubambe okomzuzwana uTete ngoba uGonya ebecinyelwe zizibane emva kokubethwa ngela nqindi linye.
“Ndiye ndanexhala ndakumbona ukuba ufe isiqaqa. Bendingenayo injongo yokwenza into embi kuye,” uvale ngalo mazwi uTete.
Umthelekisi kaTete ogama linguFrank Warren kucingeleka ukuba angamthelekisa nembethi manqindi eyaziwayo ekuthiwa nguLuis Nery. “Yenye yeembethi manqindi ezinomahluko kwezinye,” utshilo uWarren ethetha ngoNery.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023