Angayihlangula iPirates umqeqeshi omtsha?

Umqeqeshi we-Orlando Pirates omtsha nguJosef Zinnbauer. Umfanekiso: Pirates/Twitter

Emva kokubhengezwa
kwegama likaJosef Zinnbauer njengomqeqeshi omtsha oza kuxhuzula imikhala
kwi-Orlando Pirates, abantu abaninzi babuze imibuzo: Ingaba ikhona na into
eyahlukileyo anokuyenza umqeqeshi omtsha kwiBucs? Lowo ayingombuzo
ongafanelekanga xa umntu ejonga abaqeqeshi abane abaqeqeshe iBucs kwiminyaka
engaphaya kwesihlanu engakwazanga ukufumana iindebe kuyo. UZinnbauer, 49,
ugaleleke ekuqaleni kwale veki eGoli – apho atyikitye khona isivumelwano
sengqesho seminyaka emithathu njengomqeqeshi oyintloko wePirates. Ungena
endaweni kaRhulani Mokwena ofakwe endimeni esengumqheliswa emva kokuhamba
kukaMilutin “Micho” Sredojevic engabhungisanga ekuqaleni kwesizini. Usihlalo
weZimnyama, ugqirha Irvin Khoza, ebezimisele ukumyeka uMokwena aqeqeshe iqela
lakhe kude kuphele isizini – kodwa kuye kwanyanzeleka axoze umphini omtsha
kwakucaca ukuba uyoyisakala. Bekubonakala ukuba uyazama uMokwena – kodwa
iziphumo ebaleni bezingancumisi kwaphela.

Umdlalo
iPirates otyhafise abalandeli bayo abaninzi ngoweveki ephelileyo ngethuba
idlala ntanganye ngo’2-2 neBaroka FC nangoba ibikhokela ngamagowuli amabini. Kulindeleke
uMokwena noFadlu David bahlale njengabancedisi bomqeqeshi omtsha. Kunzima
ukuthi ewe okanye hayi akukho nto angayenza uJosef Zinnbauer ngoba usemtsha
kwaye kufuneka kuthethwe ngaye kujongwe umsebenzi awenzileyo. Yena akukabikho
ndebe phantsi kwegama lakhe ukusukela oko waqeqesha. UZinnbauer uqeqeshe iSt
Gallen yaseSwitzerland namaqela amabini akowabo eJamani – kodwa akazange akwazi
ukuphumelela indebe. Nangona kunjalo, indedeba yaseJamani ithi inethemba
lokuguquka izinto kwiPirates. “Ndiyalibulela ithuba endilifumeneyo lokuqeqesha
iqela eliphambili e-Afrika. Phantsi kwam, ndinethemba lokuguquka kwezinto
kwiPirates itsho ibe liqela eliphumelelayo kwakhona,” utshilo uZinnbauer.

UKhoza
umncomile uRhulani emva kokwamkela uxanduva watsho esithi uyathemba okokuba
izinto azifundileyo zakuthi zimenze umqeqeshi ongcono. Kungoku nje iPirates
iqokelele amanqaku alishumi alinesixhenxe emidlalweni elishumi elinesithathu.
Nangona ixesha lisavuma – kodwa kwakuba nzima kakhulu ukufumana iKaizer Chiefs
ephala phambili ngamashumi amathathu anesine wamanqaku ukuba izinto aziguquki
ngokukhawuleza phantsi komqeqeshi omtsha.