Angayihlangula uSambu, iChippa?

Umqeqeshi weChippa United uMbuyiselo Sambu umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Abalandeli beChippa United banexhala ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweqela labo nasemva kokususwa kukaDan Malesela njengomqeqeshi xa kuphela isizini.

Ithemba lokuhlangula eli qela lizinze eBhayi libekwe kuMbuyiselo Sambu obelisekela likaMalesela ixesha elide. NgoMgqibelo, iChippa izakusebenzela ukufumana amanqaku kwi-Ajax Cape Town kumdlalo ongo’15:00 eSisa Dukashe Stadium.

Ngaphandle kwamathandabuzo, iChippa izakunikwa inkxaso epheleleyo ngabalandeli bebhola eMonti, ukubetha i-Ajax kufanele kwenzeke ukuze iphume engxakini.

Yona i-Ajax iza emdlalweni ikhuthazekile emva kokubetha iPlatinum Stars – kodwa ukubetha iChippa akululanga eMonti. IChippa iphulukene nomdlalo wokuqala ngaphandle kukaMalesela ngethuba ibethwa yi-Orlando Pirates ngo’2-1. Into embi iiChilli Boys ziza kudlala engekho uThamsanqa Sangweni ngenxa yekhadi elibomvu alifumene eGoli. Kunyanzelekile ukuba bagadwe abadlali abafana noMark Mayambela noPrince Nxumalo ngoba bayingozi – kodwa nayo iChippa izakuxhathisa ngeziquququ zayo ezifana noSandile Zuke, uDiamond Thopola noLerato Manzini oneliso lamagowuli.

Umhlalutyi, uSinesipho Mali, uthi: “USambu uyayazi iChippa. Uyayiqonda into efunekayo, kudala ephaya. Uzakulinceda iqela ukuba unikwa inkxaso epheleleyo. IChippa ingayibetha i-Ajax ngoba umdlalo wayo awuqinanga. Kungakho amagowuli kulo mdlalo – kodwa iChippa kufuneka iqinise phaya emva.”

Amakhosi asenethemba lendebe yePSL aqubisana neGolden Arrows efuna shushu ukungena kwiTop 8 kumdlalo ozakube ungo’20:15 eFNB Stadium ngoMgqibelo.

IKaizer Chiefs iphise ngomdlalo ngenxa yokubhutyuza kwabadlali basemva kumdlalo ebambene kuwo ngo’2-2 neSuperSport United kwiveki ephelileyo. USteve Komphela ukhale ngokungasetyenziswa kwamathuba nokuvuza kwabadlali emva. “Lisekhona ithuba, kufuneka siwasebenzise amathuba esiwafumanayo. Siza kudlala kude kube sekugqibeleni,” utshilo uKomphela.

UClinton Larsen neqela lakhe bazimisele ukulwa ngamandla kule midlalo ishiyekileyo. “Kufuneka siqokelele amanqaku kule midlalo izayo, nantso into efunekayo ngoku,” utshilo uLarsen.

Lo mqeqeshi unethemba lokuba iqela lakhe lakudlala njengakwiveki ephelileyo nangona libethwe ngo’2-0 yiMamelodi Sundowns.

Imidlalo yePSL:

NgoLwesine: Mamelodi Sundowns vs Platinum Stars @Lucas Moripe Stadium 18:00

NgoLwesihlanu: Cape Town City vs Free State Stars @Cape Town Stadium 20:00

NgoMgqibelo: Polokwane City vs SuperSport United @New Peter Mokaba 18:00

NgeCawe: Orlando Pirates vs Mamelodi Sundowns @Orlando Stadium 15:00; Platinum Stars vs Highlands Park @ Royal Bafokeng Stadium 15:00; Bidvest Wits vs Maritzburg United @Bidvest Stadium 15:00