Angazibhaqa esengxakini uMolangoane

Abadlali beChippa United abathe baqaqamba kwisizini ephelileyo bafunwa ngapha nangapha ngamaqela amakhulu adlala kwiPremier Soccer League azinze eGoli.

Omnye wabo badlali nguJoseph Molangoane ongazibhaqa esengxakini yesivumelwano sengqesho emva kokuvakala kweendaba ezithi utyikitywe yiKaizer Chiefs. Lo mdlali ukwenza oku emva kokuba evuselele isivumelwano sakhe neChippa United ngeminyaka emibini kwinyanga ephelileyo.

Amakhosi akwiphulo lokubuyisa isidima sawo phambi kwesizini ezayo emva kokubuya nelize kwisizini ka’2015/16. Eli qela lizinze eNaturena lichithe amashumi amabini onke abadlali ukuze bavulele abatsha kwisizini entsha.

Ngoku kuvakala into ethi uMalongoane ngomnye wabadlali abasezincwadini zeChiefs. “UMolangoane uzakuba sengxakini ngoba kuthiwa unesivumelwano seminyaka emibini esitsha neChippa. Andimazi uyenza njani into yokuzibophelela kwiChiefs eyazi imeko yakhe neChippa,” utshilo osemfuthweni wolwazi.

Isolezwe liqhakamshelene nosihlalo weChippa, uSiviwe Mpengesi, ovumileyo ukuba uMolangoane unesivumelwano esitsha seminyaka emibini neqela lakhe.

Isivumelwano sethu nomdlali siphelelwa ekupheleni kwale nyanga yeSilimela, kodwa ke saxoxe, savumelana ngayo nemali esizakumnika yona.

Savumelana ngokuthi isivumelwano esitsha sakuthi sibesemthethweni xa efumene imali efunyanwa ngumdlali yokutyikitya isivumelwano phambi kokuphela kwale nyanga. Sithetha nje lo mali yokuvuselela isivumelwano sesiminikile,” utsho uMpengesi.

UMpengesi uthi akazikhathazi ngeendaba ezithi uMolangoane utyikitywe yiChiefs , into ayaziyo kukuba umdlali ngowakhe. “Ukuba iChiefs iyamfuna mayimthenge,” utsho uChippa.

Isithethi seChiefs, uVina Maphosa, uthe: “Ndisekhaya ngoku ngoba sisavalile, andikwazi kuthi lo nto ikhona okanye ayikho. Nokuba bekukho endikwaziyo bendingeke ndiphawule ngabadlali ngoba sizokwenza isibhengezo ngabadlali abatsha kwinkomfa yoonondaba.”

Yena * -Ali Thlaole, umanejala kaMolangoane, akafumanekanga futhi akayiphendulanga nemiyalezo.

IiChilli-Boys kulindeleke ziphulukane nomnye umdlali obalulekileyo, uThamsanqa Sangweni, ofunwa yi-Orlando Pirates.

Eli qela libuyela enkampini kungekudala phantsi kwesandla sikaDan Malesela olithathe walibeka kwindawo yesithandathu kwisizini ephelileyo.