Anthony Laffor: Asazinto ngeMedeama SC

Iqela laseGhana, iMedeama SC, elizodlala neMamelodi Sundowns kwiCaf Confederation Cup lifana nencwadi evalekileyo ngokutsho komdlali siswini weli qela * -Anthony Laffor.

ULaffor uvalele amagowuli amathathu eyedwa ngethuba iSundowns ithatha indebe ye-Absa Premier Soccer League emva kokubetha AmaTuks ngo’3-0 kumdlalo obuseTuks Stadium ngoLwesithathu ebusuku. IiBrazillians zamkela iMedeama kukhuphiswano leConfederation Cup eLucas Moripe Stadium ngokuhlwa ngomso ngentsimbi yesithandathu emalanga. “Sithembele kubantu abaye eGhana, apho bebejyoonga indlela abadlala ngayo. Sizakujonga imidlalo yabo eshicilelweyo ukuze sazi ukuba badlala njani. Ngabo abazakusixelela ukuba badlala njani. Kobalula xa sidlala umlenze wesibini,” utsho uLaffor.

Lo mdlali uphambili kwiDowns uthi bazimisele kakhulu ukudlulela kumjikelo olandelayo kolu khuphiswano. IDowns ingena kolu khuphiswano emva kokuba ikhutshwe kwiChampions League kwinyanga ephelileyo.