Aphelile amandla eDowns kwiCAF

UMzantsi Afrika awunalo nelinye iqela kwimidlalo yeCaf. Oku kwenzeke emva kokuba kukhutshwe iMamelodi Sundowns ngoLwesuthathu ngegowuli iqela elilifumana xa lidlalela kude nekhaya.

ISundowns ibethwe yiMedeama yaseGhana ngo’2-0 kumdlalo weCaf Confederation Cup eSekondi Stadium. Kumlenze wokuqala iDowns yaphumelela ngo’3-1, kodwa iphumile kolu khuphiswano ngoba eMedeama yafuma igowuli, lo nto iyincedisile. Iqela loMzantsi Afrika liphulukene nomdlali emva kokuba uDenis Onyano enikwe ikhadi elibomvu.

AmaGhana aye kwixesha lokuphumla ehamba phambili ngegowuli elifakwe ngu-Akwa ngepenela eyenziwe nguThabo Ntethe. Elesibini lingene kwisiqingatha sesibini ngonyawo lika-Aforu.

Amakhwenkwe kaPitso Mosimane azame ancama, ngoku iMedeama ilindele uthelekiso lwamaqela ngomhla wamashumi amabini anesine kule nyanga eCairo.

Ekuqaleni, uMzantsi Afrika wawumelwe yiKaizer Chiefs, iSundowns kwiCaf Champions League, iBidvest Wits ne-Ajax Cape Town zidlala kwiConfederation Cup, onke la maqela oyisakala.