Aphelile amaqashiso ngekamva lomqeqeshi weSuperSport United

UGavin Hunt ngumqeqeshi weSuperSport United.

Aphelile amaqashiso ngekamva lomnye wabaqeqeshi abaphambili ebholeni yaseMzantsi Afrika. Oku kwenzeke emva kokuba iSuperSport United yandise isivumelwano sengqesho sikaGavin Hunt ngeminyaka emibini kwakhona.

Amatsatsantsa abhenela kuHunt eminyakeni emibini egqithileyo emva kokugxotha uKaitano Temba owayenikwe uxanduva lokuxhuzula imikhala. UHunt uzibophelele kwiSuperSport emva kwamahumhum abesithi ufunwa yiSekhukhune United.

Emva kokuzama ukuqeqesha kumaqela afana neKaizer Chiefs neChippa United, kukwiqela lasePitoli apho anembali etyebileyo kakhulu khona. Phambi kokuya kwiBidvest eyabhangayo – uHunt waphumelela indebe yeDStv Premiership izihlandlo ezithathu. Phambi kokuthengiswa kwayo iWits, uHunt waphumelela indebe yeDStv Premiership nakuyo.

Izinto zange zimlungele kwiChiefs awaya kuyo isikwe yiFifa ayakwazi ukuthenga abadlali. Zathi zakunqaba eziphumo ezihle, wakhonjwa emnyango engakwazanga ukusa iChiefs eyaqhuba bhetele kwiCAF Champions League.

Emva koko waya kwiChippa ngethuba uSiviwe Mpengesi ebesenesandla esishushu. Zange izinto zihambe kakuhle, yamchitha iChippa United. Okuhle ngoHunt kukuba ebephakathi kwabaqeqeshi abafumene izatifiketi emva kokuphumelela uqeqesho ekuthiwa nguCoaching CAF Level A kutshanje.

Omnye wabaqeqeshi odinga ummsebenzi emva kokuchithwa kwake nguLehlohonolo Seema okhululwe yiSekhukhune United emva kokumnqumamisa. Ekuzeni kuphela kwesizini yeDStv Premiership ka2023/24, iSekhukhune yamnqumamisa ayakwaz ukuchaza isizathu salo nto.

Ngoba nesivumelwano sengqesho sesiphelelwa kule nyanga, uSeema uye wakhululwa ngabaphathi beqela. Izinto aziyihambelanga kakuhle kwisizini egqithileyo iSuperSport. Kuvalwe isizini ihleli kwindawo yesixhenxe kwiDStv Premiership – into engaqhelekanga kuyo.

Mhlawumbi kungoba ibinabadlali abasakhulayo ebasebenzisileyo kakhulu. Njengesiqhelo, kungenzeka iphulukane nabadlali bayo abaphambili abaquka noShandre Campbell no-Ime Okon. Kanti omnye umdlali osakhulayo, uSelaelo Rasebotja, kuthiwa uthathwe yi’Orlando Pirates simahla.