Emva kokubethwa
koMzantsi Afrika, ngoku atshabalele amathemba okuya kwawo kwindebe yehlabathi
kunyaka ozayo. ISenegal ibethe uMzantsi Afrika ngo’2-0 kumdlalo ohlakulela
indebe yebehlabathi obusePeter Mokaba Stadium namhlanje ebusuku. Ukubethwa kweBafana
Bafana kuthetha ukuthi aphelile amathemba okuya eRussia – eyona nto
bekunyanzelekile uyiphephe xa idlala neSenegal. Ngoku iqela lesizwe liya
eSenegal ungxwelerhekile. Inye into eyenzileyo iSenegal kwisigaba sesibini:
kukuqinisekisa ukuba ikhusela amagowuli wayo ewafumene kwisigaba sokuqala
somdlalo.
Kuyiwe
kwixesha lokuphumla umdlalo sele iwuthathele ngakuwo umdlalo iSenegal emva
kokufumana amagowuli amabini. Kwimizuzu emihlanu yokuqala yomdlalweni akukho
nto engako eyenzekile ngaphandle kweempawu zokufundana. UStuart Baxter uqale
ngoMorgan Gould noClayton Daniels abadlalela iSuperSport United emva
emaphikweni kubambe uThamsanqa Mkhize noSfiso Hlanti. UKhune ixhimfe ibhola ebize
kakubi kumzuzu wethoba ebigotywe ekhohlo. UDiafra Sakho ungcangcazelise umnatha
kumzuzu weshumi elinanye kokufumana ibhola ebisuka ekunene. UKhune ushiywe
oneke izandla emva kokugqagqaniselwa kwabadlali beBafana Bafana emva
zizitshovutshovu zeSenegal.
UThemba Zwane,
uSibusiso Vilakazi noPercy Tau benze ezibukwayo besabelana ngebhola kakuhle –
kodwa iinzame zabo zinqandwe ngunozinti weSenegal – uKhadim Ndiaye. Kunzuzu wamashumi
amabini anesibhozo ibhola kaLebogang Manyama ibethe epalini. UMkhize uwugwaze
ekhaya umkhonto ngempazamo, ngalo ndlela yaba iSenegal ihamba phambili ngo’2-0.
UNdiaye uphinde wavala ibhola embi kaManyama phambi kokuphela kwesigaba sokuqala
somdlalo. UMzantsi Afrika uwulawule umdlalo kwisigaba sokuqala futhi unawo
amathuba abenika ithemba – kodwa iSenegal yenze eyona nto ibalulekileyo
emdlalweni: ukufaka amagowuli emnatheni.
Uphinde wazama
kwakhona uMzantsi Afrika kwisigaba sesibini uphantsi koxinizelelo. Intle ibhola
ebidlalwa ngamakhwenkwe kaStuart Baxter, kumzuzu wamashumi amahlanu
anesithandathu uVilakazi utsale imbumbulu yebhola – kodwa uNdiaye uyibambe
ngaphandle kokusokola lo bhola. UBaxter ukhuphe uManyama, endaweni yakhe wafaka
u-Andile Jali, kwangena noSiphiwe Tshabalala endaweni kaZwane odlale kakuhle
kakhulu kwisigaba sokuqala somdlalo. Ebekhona amathuba abawadalileyo abadlali boMzantsi Afrika kwisigaba sesibini – kodwa ngelishwa labo abakwazanga ukugqobhoza kwiSenegal kwade kwase kugqibeleni. Izuze amanqaku apheleleyo iSenegal kulo mdlalo emva kokubetha uMzantsi Afrika.
UKhoza uthe jize uKaizer Motaung ngesipho esixabisa izigidi ezibini zerandi