Aphindela etshatshalazeni amaqela alwela iMTN 8!

Amaqela amane alwela indebe yeMTN 8 aphindela etshatshalazeni kwilinge lawo lokuzibekela indawo kumdlalo wokugqibela.

Iqela likaBenni McCarthy, iCape Town City, linethuba elihle lokuphumelela emva kokuba libethe iMamelodi Sundowns ngo’1-0 kumdlalo obuseCape Town Stadium.

Kanti wona Amakhosi abambene neSuperSport United ngo’2-2 kumdlalo obunzima kakhulu eLucas Moripe Stadium.

Ngempelaveki, omane la maqela azakulwa kubemdaka iisali kwilinge lawo lokugqibela lokulwela ukuzibekela indawo kumdlalo wokugqibela.

IKaizer Chiefs yamkela iSuperSport United kumdlalo okulindeleke ube nzima kakhulu ngo’20:00 eFNB Stadium ngoMgqibelo.

Yona iSundowns yamkela iCity kumdlalo ozakube useLucas Moripe Stadium.

UMcCarthy uya ePitoli encumile ngoba iqela lakhe lihamba phambili – kodwa uyayaqonda ingozi elingagaxeleka kuyo iqela lakhe kwiDowns ukuba liyekelele umxakatho.

Amakhwenkwe kaPitso Mosimane aza kufuna ukubuyisa isidima sawo emva kokukhutshwa kwiCaf Champions League yiHoroya kule veki.

Nakubeni iqela lakhe labethwa kumdlalo wokuqala – kodwa uPitso usenalo ithemba lokuguqula izinto kumdlalo wesibini.

“Sinemidlalo exineneyo – kodwa ke siyazama ukumelana nayo yonke. Sisenalo ithuba lokwenza ngcono ePitoli. Ndizibonile izinto ezinje nesiphelo sazo – kodwa ibisisiqendu sokuqala esi,” watsho uPitso.

UKaitano Tembo uyincomile indlela edlale ngayo iSuperSport United kumdlalo ogqithileyo kwaye uyabazi nobunzima ajamelene nabo njengomqeqeshi osemtsha kwanokuba iqela lakhe liziintshatsheli ezikhuselayo.

Kwelinye icala, uGiovanni Soolinas, uphantsi koxinizelelo ngoba abalandeli bakhe bafuna indebe.

IChiefs inethuba lokuya kumdlalo olandelayo ukuba umdlalo uphela kungekho gowuli emdlalweni.

“Umdlalo ogqithileyo ubumhle. Sizimisele ukudlala kakuhle nakumdlalo wesibini. Inye indlela yokuphumelela indebe: kukufaka amagowuli emnatheni ngaphezulu kuneqela odlala nalo,” utshilo uSolinas kule veki.

pedro.mapelo@inl.co.za