Aphume enkonye iqanda eLoftus Stadium ngale njikalanga

Justin Shonga of Orlando Pirates challenged by Tebogo Langerman of Mamelodi Sundowns during the Absa Premiership 2018/19 match between Mamelodi Sundowns and Orlando Pirates at the Loftus Versveld Stadium, Pretoria on 10 November 2018 ©Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Nangona ibingumdlalo
ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola ekhatywayo – kodwa amaqela omabini
akhethe ukuphuma enkonye iqanda macala (0-0) kumdlalo we-Absa Premier Soccer
League obuseLoftus Versfeld Stadium ngale njikalanga. Emva kokuxhelana
kweMamelodi Sundowns ne-Orlando Pirates kwimidlalo yesizini egqithileyo, abantu
abaninzi bebelindele umdlalo onamagowuli namhlanje nanamhlanje – kodwa akubanga
njalo. Eyona nto ethe yabalasela kukungena komlandeli weSundowns ebaleni
waqonda ngqo kuRhulani Mokwena kwisigaba sokuqala somdlalo. Ngaphandle kwalo
nto – akukho nto ekunobhalelwa ngayo ekhaya. Umdlalo wona ubumhle kwisigaba
sesibini – kodwa amathuba acacileyo ebenqongophele kakhulu. Iinguqu ezenziwe
nguPitso Mosimane naye uMilutin Sredojevic ziwenzile umahluko ngoba kubekho
ukufunquka kwezinga lomdlalo.

Kuyiwe
kwixesha lokuphumla omabini amaqela enngabhalisanga ebhodini. Bekungekho
ntlantsi kangako kwisigaba sokuqala somdlalo ngaphandle kwamathuba athile
angasetyenziswanga. UJeremy Brockie akakwazanga ukusebenzisa ithuba elihle emva
kokubekelwa ibhola entle ngu-Andile Jali ongene phakathi kwamadoda ekuqaleni
komdlalo. Elona qela elithe lakwazi ukudala amathuba yiPirates – kodwa yibhola
kaThembinkosi Lorch, eye yabanjwa nguDenis Onyango, ebiyeyona nto ecacileyo. UJali
uye wakhutshwa emva kokonzakala – indawo yakhe ithathwe nguTiyani Mabunda. Eyona
nto ethe yagqama ngumlo obantse wavumbuluka ebaleni ngenxa yomlandeli ongene
ebali waqonda ngqo kwisekela-mqeqeshi leBucs – uRhulani Mokwena. Lo nto isuse
abaqeqeshi beSundowns kwelabo icala ababonakele ngathi bayonqandela umlandeli
wabo.

Ibuye kwixesha
lokuphumla ingxamile iSundowns. Kwakwimizuzu esixhenxe yokuqala, ibisele inkqonkqoze
kwade kwakabini. Iphantse yasengxakini iSundowns emva kokubhutyuza ibhola
egotywe ekunene nguVincent Pule kumzuzu wamashumi amahlanu anesibhozo. Uphume ephaca
uBrockie ophose ithuba kwisiqingatha sokuqala. Indawo yakhe ithathwe
nguPhakamani Mahlambi ofike waphantse wafaka igowuli zibekwa. Umdlali ongene
kwisigaba sesibini somdlalo, u-Augustine Mulenga, uvuthulule ibhola ekude –
kodwa ngeliswa lakhe ifile uDenis Onyango ethe qwa. UThabo Qalinge ungenile;
ethatha indawo kaPule obesele engabonakali emdlalweni. UMorena udlale ngethuba,
uSiyabonga Mpontshane woyiswe kukuchitha ibhola – kodwa uye wakwazi ukuyoyithatha
ezinyaweni. Isiqingatha sesibini somdlalo besisihle kakhulu. IDowns izamile
ukuhlasela isebenzisa uMaboe noGuston Sirino – kodwa ngelishwa, abadlali
bePirates bebevale mba emva.

  

Mamelodi Sundowns: Onyango, Morena, Nacimento, Lebusa, Langerman, 5. Jali
(Mabunda 13′), Kekana, Maboe, Lakay, Sirino, Brockie.

Amalalela: Pieterse, Mabunda, Ngcongca, Meza, Madisha, Mahlambi, Zwane.

Orlando Pirates: Mpontshane,
Jele, Munetsi, Mbekile, Maela, Motshwari, Mlambo, Pule, Lorch, Kutumela, Shonga.

Amalalela: Mabokgwane, Da Silva, Mabaso, Makola, Mntambo, Qalinge,
Mulenga.