UMaliwa Khanyile waseLusikisiki ngumdlali kapuca obuye nesilivere emidlalweni kazwelonke ebiKwaZulu-Natal. Umfanekiso: DSRAC

Umdlali obalaseleyo kuphuca, uMaliwa Khanyile, uzingomba isifuna emva kokubuya nembasa ityeli lesithathu emidlalweni kazwelonke. Kwiveki ephelileyo, amaqela aphuma kumaphondo onke eMzantsi Afrika akhuphisene kwamdaka iisali emidlalwemi enqabileyo nebonwa njengeyeyemveli efana nopuca, ugqaphu, udibeke, umlabalaba, ukhokho, uncuva neminye, eThekwini kwiphondo laKwaZulu-Natal kutshanje. UKhanyile, 30, waseLusikisiki, ebengomnye wabadlali abaninzi abe bemele iMpuma Koloni. Ngenxa yamava kupuca awafumene kwiitumente zikazwelonke, ebengomnye wabadlali ebekuthenjelwe kubo, ngethamsanqa ubuye nayo isilivere emva kokubamba indawo yesibini emidlalweni yokugqibela.

“Kunzima ukukhuphisana nabanye abantu nangona siye sibone ingathi kulula, ngakumbi xa usaziwa. Sisokoliswe nguMfana waseKapa kakubi – kodwa ngenxa yoxinizelelo ebephantsi kwalo, izinto ziye zajika. Abebephambili bahlehle umva, abebesemva baphimbili. Ndiye ndayifumana indawo yesibini ndabuya nesilivere,” utshilo uKhanyile kweli phephandaba. Nangona imidlalo efana nophuca ingekakhuli kakuhle – kodwa urhulumente ubamba iitumente unyaka nonyaka ngelizama ukuyifunqula nokuyazisa ebantwini esebenzisa izikolo. Nangona engazange acinge ukuba angangumdlali oqaqambileyo kapuca – kodwa wajikwa ingqondo esikolweni emva kokuqhuba kakuhle.

“Ndadibana nophuca esikolweni sam eMalangeni ngo-2005. Yayingamaqalela ngoko emidlalo yemveli. Upuca ayingomdlalo wabantu abathile. Ndandikade ndidlala ugqaphu noodade wethu – kodwa wandoyisa ukuze ndidlale upuca. Ndathi ndakuqhuba kakuhle, kwathiwa ndiyaya emidlalweni sisikolo. Imbasa endiyifumeneyo indikhulisile ndatsho ndazithemba. Kundichulumancisile kakhulu ukumela iMpuma Koloni, iLusikisiki nelali yam yaseMalangeni. Ukuphumelela kwam kuza kubonisa ukuba zikhona izinto ezikhe ziphumelele ezilalini,” utshilo uMaliwa. Ulebele ngokucela urhulumente ukuba axhase imidlalo nabantwana abasakhulayo kwaye uyibona njengento leyo engathoba ubundlobongela. IMpuma Koloni ibuye neembasa ezine; iisilivere ezimbini nebronze ezimbini.