Asafundana amazwe adlala kwi-2017 Afcon!

Oompetha bebhola eAfrika babuthelene kwi-2017 Afcon eGabon. Amabala okudlalela mahle kwaye asemgangathweni ophezulu; lo nto idize ukuzilungiselela kakuhle kweGabon.

Akukho nto ithe qabavu kule tumente okanye akukho lizwe elidlale ngendlela ekhethekileyo ukuzothi ga ngoku – kodwa bakhona abadlali abathembisayo nabathe bazibalula kwiindawo abadlala kuzo phambi kwale tumente.

Umdlalo obenamagowuli amaninzi ngobuphakathi kweZimbabwe ne-Algeria. Umdlalo uphelele ebambene la mazwe ngo’2-2, omnye obenamagowuli uphunyelelwe yiSenegal ngo’2-0 ibetha iTunisia eyayifudula inamandla kwibhola ye-Afrika.

Uninzi lwemidlalo kule Afcon khange lunike mdla kangako. Kubonakala ngathi amazwe awafuni ukukhupha onke amandla – kwangaxeshanye akafuni kuphulukana nemidlalo. Amaqhinga wabaqeqeshi acacile; baqhoboshe amaqela wabo kuba besajonga indlela adlala ngayo amnye.

Ukunqongophala kwamagowuli yenze yezinto eziyenze imidlalo yangabinawo umtsalane, oko kungatshintsha ngokuhamba kwexesha.

Izitshovu-tshovu zeefolosi ezifana noPierre-Emerick Aubameyang waseGabon, uRiyad Mahres wase-Algeria noSadio Mane waseSenegal, zizibonakalisile kwimidlalo yokuqala – kodwa kusekho ixinizelelo kubo kuba kufuneka baqinisekise ukuba amazwe wabo aya kumjikelo olandelayo.

Emva kokudlala kakuhle kumdlalo wokuqala, iZimbabwe, izakudibana neSenegal kumdlalo kaGroup B inamandla futhi inethemba lokufumana impumelelo.

UKhama Billiat, Nyasha Mushweki noWillard Katsande kunyanzelekile babhinqe omfutshane kulo umdlalo ngoba ubalulekile futhi kuthenjelwe kubo.

Soze kubelula ukubetha iSenegal – kodwa ukuba iZimbabwe inokudlala ngendlela edlale ngayo kulowa wokuqala, akukho nto enobangela ingaphumeleli. UKnowledge Musona akazubakho kulo mdlali ngenxa yokwenzakala. Abadlali abafana noTendai Ndoro noCuthbert Malajila bangangena endaweni yakhe.

UBilliat, ofuna ukusebenzisa le afcon njengeqonga lokuzithengisa, angayinceda iZimbabwe ukuba angasebenzisa amava awafumene kwiCaf Champions League, amendu nobuchule bakhe bokuqhiyazisa abadlali xa edlala.

Imidlalo elandelayo: Gabon vs Burkina Faso 17:00, Cameroon vs Guinea-Bissau 20:30, Algeria vs Tunisia 17:00; Senegal vs Zimbabwe 20:30; Ivory Coast vs DR Congo 17:00; Morocco vs Togo 20:30; Ghana vs Mali 17:30; Egypt vs Uganda 20:30.