Asatsala nzima amanenekazi emanqindini

Thandi Ngodwana

Yiminyaka engaphaya kwamashumi amabini uMzantsi Afrika wafumana inkululeko.

Kuloo minyaka yenziwe inkqubela phantse kuyo yonke imidlalo ngokohlukana kwayo, ingakumbi kuleyo yayichwethela ecaleni abantu abathile: kokubini, ngokwesini nangokwebala.

Kodwa kuzo zonke ezo nquleqhu ezenziweyo, amanenekazi asatsala nzima emanqindini ngenxa yamadoda adelelayo.

Ukhona wona umnyinyiva – kodwa kusekho loo madoda acinga ukuba izigqibo zamanenekazi ziwuphindelisa emva umdlalo wamanqindi.

UThandi Ngodwana, 34, ngomnye wamanenekazi angamagosa kulo mdlalo wamanqindi. Le nzwakazi ivumile ukuba utshintsho lona lukhona – kodwa kwangaxeshanye yatsho isithi amanenekazi asasokola emanqindini kakhulu.

“Ndaqala ukusebenza emanqindini ngo-2004. Emva kwexesha ndaye ndaligosa eliphatha imidlalo (Ring official). Ndineminyaka emithathu ngoku ndiyenza lo nto – kodwa ndiyakuxelela, akululanga kwaphela. Thina manenekazi sitsala nzima ngoba kukho amadoda asasijongela phantsi kuyo yonke into. Xa sizama ukwenza izinto ngokomthetho – wona (amadoda) asibona njengabantu abamosha amanqindi kuba efuna iimbethi manqindi zawo ziphumelele nakanjani,” utshilo uNgodwana.

Lo kaNgodwana ufumene ithamsanqa lokuthi achongwe abengomnye wamagosa anethuba lokugoduka newonga lelona gosa eliphatha imilo elithembisayo.

Ibe ziindaba ezimnandi kakhulu ezi kule ntokazi yaseNU 7, eMdantsane. Kangangokuba ithi ukuchongwa nje kukodwa kwanele kuye akaxesha lambasa.

“Ndivuye kakhulu ndakufumana ezi ndaba. Bendisazi kodwa ukuba indifanele lo nto ngenxa yendlela ebendiwenza ngayo umsebenzi wam. Into embi kukuba asifumananga milo emininzi thina apha eMonti,” utshilo uNgodwana.

UNgodwana unomnqweno wokukhula kumdlalo wamanqindi kwaye uthi ufuna ukuba ngumgwebi kwimilo kwizintlu eziphezulu ezohlukeneyo emanqindini, aphinde abe ngumququzeleli ophume izandla.

Umsitho wokuwongwa kwabantu abathatha inxaxheba emanqindini uzakubanjelwa eBoardwalk Casino, eBhayi, ngokuhlwa ngoLwesihlanu.