AmaJamani anethuba elinye jwi lokuzihlangula ehlazweni emva kokungaphumeleli emdlalo wanamhlanje ebusuku. Iintshatsheli zehlabathi zika-2014 azikwazanga ukufumana amanqaku amathathu ngethuba zibambana ngegowuli elinye macala neSpain emdlalweni obunamtsalane ngendlela emangalisayo eAl Bayt Stadium. Omabini amaqela awuxhome zisuka umgangatho emdlalweni. Amathuba ebenganqabanga ngoba omabini ebedlalela ukuphumelela umdlalo. Abadlali beSpain baphantse bayonzakalisa iGermany kwangoko emdlalweni ngethuba ibhola kaDani Olmo inqandwa yipali emva kokuchikwa ngunozinti weGermany – uManuel Nenuer. Aphindisile
AmaJamani aye emdlalweni ephantsi koxinizelelo – kodwa igowuli elifakwe ngumdlali wasemva, uAntonio Ruediger, likhatywe yiVAR kwakubonakala ukuba ebephokele xa kukrwelwa umgca. Siphele isiqingatha sokuqala sumdlalo kaGroup E esankonye iqanda macala nakubeni bezikhona iimpawu zokunxanelwa amagowuli ebaleni. Isiqingatha sesibini khange kubekho mahluko kwicala lomgangatho womdlali obusemgangathweni ophezulu. Emzuzwini weshumi elinambini kwisigaba sesibini, iSpain sibhalise ebhodini igowuli elifakwe nguAlvaro Morata, ongene kwisigaba sesibini somdlalo, emva kokufumana ibhola egotywe kakuhle ephikweni lasekunxele.
Kuye kwanyanzeleka ukuba iGermany ikhangele amaqhinga okufumana amagowuli okuphumelela umdlalo okanye igowuli lokulinganisa ukuze ifumane elinye ithuba lokulwela ukuhlala emdlalweni wokugqibela neJapan ebethwe yiCosta Rica ngegowuli elinye emdlalweni obusemibini. UNiclas Fullkrug uncede iGermany ngokufaka igowuli lokulinganisa ngomzuzu wamashumi asibhozo. Elo gowuli libambe ukuhamba kweGermany engekaphumeleli futhi esecicini lokuhlamba ijezi kwakusasa kwitumente yehlabathi ebanjelwe eQatar. Into wonke ubani angaqiniseka ngayo kukuba AmaJamani aza kulwa kude kube ngumzuzu wokugqibela ukuze aphephe okwenzeka eRussia. Sona iSpain sihleli phezulu kuGroup E kwaye kulindeleke siyibetha iCosta Rica emdlalweni olandelayo.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10