Asikoyiki ukudlala neMamelodi Sundowns, utsho uDan Malesela

UDan Malesela ngumqeqeshi weMarumo Gallants. Umfanekiso: MG Facebook

Nakubeni bekukho ukugqwidiza okuthile ekuqale kwesizini , izinto ziguqukile kwiMarumo Gallants emva kwemidlalo eqhube kakuhle kuyo. Kukho ukuzithemba nagkumbi kuDan Malesela emva kokuba iMarumo Gallants ibethe iStellenbosch FC ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCarling Knockout Cup obubanjelwe eKapa. Ngoku iMarumo Gallants ilungiselela ukudibana neMamelodi Sundowns emdlalweni weCarling Knockout oza kube useDr Molemela Stadium ngentsimbi yesithathu ngeCawe.

Kulindeleke umdlalo onzima ngoba iSundowns ikelemile kakhulu. Oku ikubonise ngokubetha iKaizer Chiefs ngo’4-0 emdlalweni obubukelwe yinyambalala yabantu eFNB Stadium ngempelaveki edlulilleyo. Nakubeni kunjalo, uMalesela uthi iqela lakhe liyihloniphe ngendlela ebaxekileyo emdlalweni weBetway Premiership ekuqaleni kwale sizini. Uthi lo nto ayizukuphinda yenzeke futhi iqela lakhe aliyoyiki iSundowns. Omabini amaqela aya emdlalweni efuna ukuqhuba kakuhle kwiCarling Cup, ingakumbi iMarumo Gallants ngoba ifunqule ukuzithemba ebadlalini bayo.

“Sidlalile neSundowns ekuqaleni kwale sizini. Mandivume, senza iimpazamo ezininzi kakhulu emdlalweni. Sayinika imbeko enkulu. Ngamanye amaxesha, ukuhlonipha amaqela ngokugqithisileyo kuye kulibambezele iqela. Siza kuzilungiselela bhetele kulo siyakuwo umdlalo. Andideleli nto,” utshilo uMalesela emva kokuzuza impumelelo emdlalweni ogqithileyo. Nangona iSundowns iwonzakalisa amaqela – kodwa iPolokwane City ibonisile ukuba iyabetheka emdlalweni weBetway Premiership kutshanje.

UMalesela uthe akayoyiki iSundowns futhi neqela lakhe liza kudlala ngaphandle koloyiko. “Xa usoyika, awuhambeli phambili. Sukuya kwa semdlalweni. Ndisoloko ndibaxelela abadlali ukuba ukoyika kubulele abantu abaninzi nabadlali ababedlala kakuhle kakhulu. Kuyenzeka woyike – kodwa yinto ekufuneka uyisuse. Xa usiya emdlalweni usoyika, ngeke uphumelele. Emidlalweni yendebe andikhethi ngoba sihleli sidibana kwiBetway Premiership. Kuhle ukudibana neSundowns ngoba kulapho uyijonga khona inkqubela eyenziwa liqela lakho,” utshilo uMalesela.