
Njengokuba sisongwa
isiqingatha sokuqala sesizini ye-Absa Premier Soccer League, amaqela ohlukeneyo
asina ededelana enkcochoyini. Emva kokuhlala ithuba elide phezulu, kwiveki
ephelileyo iBaroka FC iye yasuswa yiMamelodi Sundowns emva kokuyingoba ngo’4-0.
Izolo Ezimnyama, i-Orlando Pirates, zinyukele phezulu kuluhlu lwamaqela adlalal
kwiPSL emva kokudlala ntanganye naMaZulu ngo’1-1 kumdlalo obukwiqondo
eliphezulu e-Orlando Stadium. Emva kwePirates bekulele Amakhosi emva kokubetha
iPlatinum Stars ngo’1-0 kumdlalo wePSL obuseRoyal Bafokeng Stadium.
Zijikile
izinto emva kwemidlalo emibini edlalwe ngenjikalanga yanamhlanje. Amasandawana
abuyele phezulu emva kokubetha iGolden Arrows ngo’1-0 kumdlalo wePSL
obudlalelwa ePrincess Magogo Stadium. Igowuli lempumelelo lifakwe nguBangaly
Soumahoro kumzuzu wesithandathu kwisiqingatha sokuqala somdlalo. Nangona
iphumelele iMamelodi Sundowns – kodwa umdlalo ubunzima kakhulu ngoba nabo
Abafana Bes’thende bebezimisele kakhulu emdlalweni. Emva komdlalo uPitso
Mosimane uthe wonelisekile ziziphumo zomdlalo ezifunyenwe liqela lakhe.
“Sizincede
ngokufaka igowuli kwangoko emdlalweni – kodwa ndingatsho ukuba isiqalo sethu
besisihle. Umdlalo ubunzima kumaqela omabini ngenxa yomoya. Khange usincede
thina umoya kwisigaba sokuqala – kodwa sincedakele kwisigaba sesibini ngoba
ibhola ibilawulwa ngumoya phezulu. Lo nto iye yasinyanzela ukuba sidlalele
emva. Siyazamkela ezi ziphumo. Besidlala neqela elizimiseleyo kakhulu,” utshilo
uPitso emva komdlalo.
Komnye umdlalo
wanamhlanje, iBloemfontein Celtic ivuthulule iFree State Stars ngo’3-0 kumdlalo
wePSL obudlalelwa eDr Molemela Stadium ngale njikalanga. Ngoku iCeltic ihleli kwindawo yesine emva kweKaizer
Chiefs ekwindawo yesithathu.
Town yenze umtsi emva kokubetha iChippa United ngo’1-0 kumdlalo wePSL
obudlalelwa eBidvest Stadium. IMaritzburg United iphumelele umdlalo wesibini
ilandelelana emva kokubetha iBaroka ngo’3-0.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa