Asiqhubi kakuhle kwimidlalo yethu: Fatuse

Umqeqeshi weqela laseDutywa, iMatta Milan, uLuxolo Gary Fatuse, uvumile ukuba iqela lakhe aliqhubi kakuhle kwaphela kwi-ABC Motsepe League, kodwa wathi into emonwabisayo kukuba basindile ezembeni ngenxa yamanqaku amaninzi abawaqokelele kwisiqingatha sokuqala sezini.

Ngempelaveki iMatta Milan iqushwe yiKokstad Liverpool ngo’5-1, ukanti kuleya impelaveki ibethelwe yiTornado FC ngo’4-1.

UGary Fatuse uthi, ezi ziphumo zibonakalisa ukuyekelela kwabo umxakatho ngexesha lokuphethwa kwesizini, nangona bephakathi kwamaqela asibhozo kwi-ABC Motsepe League.

“Ukuvalwa kwezikolo ngeholide kusibethile kuba abadlali bethu ngabantwana besikolo, ngoku babuye sele siphulukene namanqaku,” utshilo uFatuse.

IMilan ihleli kwindawo yeshumi elinanye kwiMotsepe League inamanqaku angamashumi amabini anesixhenxe emva kwemidlalo engamashumi amabini anesithandathu.

Kwelinye icala iTornado FC ebinkqenkqeza phambili kweli nqanaba ilahle amanqaku ngempelaveki emva kokuba idlale ntanganye ne-EC Bees ngegowuli elinye macala, nto leyo enike ithuba iLion City lokuphinda ibuyele kwindawo yokuqala kwiMotsepe League emva kokuba ibethe iHighbury ngamagowuli amabini kwelinye.

ICity inamganqaku angamashumi amahlanu anesibhozo emva kwemidlalo engamasumi amabini anesithandathu lo gama iTornado ihleli kwindawo yesibini, inamanqaku angama 56 kwimidlalo elinganayo.