‘Asiyonto ngaphandle kwabalandeli’

ULerato Manzini weChippa United noHappy Jele weOrlando Pirates kulindeleke okokuba baswantsulisane emdlalweni weAbsa Premiership oza kube useOrlando Stadium Umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Emva kokuthi nqumama iveki yonke ngenxa yemidlalo yezizwe eziphantsi kweFIFA, amaqela adlala kwiAbsa Premier Soccer League abuyela emabaleni kwakhona ngempelaveki.

Omnye wemidlalo ojongwe ngamehlo abomvu ngulowo uphakathi kweOrlando Pirates neChippa United emalanga (15:30) eOrlando Stadium ngoMgqibelo.

Omabini amaqela aya emdlalweni ephantsi koxinizelelo kakhulu emva kokungakwazi ukuvelisa iziphumo ezincumisayo emidlalweni egqithileyo.

Iqela laseMpuma Koloni, iChippa United, elingaphumeleli namnye umdlalo kule isizini kwemine eliyidlalileyo, liza kuzama ukufumana amanqaku amathathu ngempelaveki xa lidibana nePirates exikixwa ziingxaki ngakumbi phantsi kukaRulani Mokwena owathath’ iintambo emva kokuhamba kukaMilutin Sredojevic.

Ukudlala nePirates kokwayo ngeke kube yinto elula kwiChippa kodwa uLerato Manzini uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba abadlali beqela lakhe bawulungiselele kakuhle umdlalo ozayo.

“Yah, ndingatsho ndithi sikulungele ukudibana nePirates. Bonke abadlali balinde umhla womdlalo.

Sikuthatha njengenkuthazo ukudlala nePirates komnye wemidlalo emikhulu.

Thina badlali siyiqonda ngokupheleleyo imeko elikuyo iqela.

Asikaphumeleli namnye umdlalo kule sizini kodwa lo nto ayichazi indlela iqela elidlale ngayo emidlalweni egqithileyo.

Into esiphoxileyo emidlalweni egqithileyo ibe kukunqaba kwamagowuli.

Lidlale umdlalo omhle, lidale amathuba futhi lihlasele kakuhle iqela kodwa eyona ngxaki ibe kukufaka ibhola emnatheni. Siwulungiselele kakuhle kodwa umdlalo,” utshilo uManzini.

Nangona iChippa inengxaki yokungakwazi ukufaka amagowuli ayivimbe amanqaku apheleleyo emidlalweni eyidlale kakuhle, uManzini uzimisele ukwenza ezibukwayo emdlalweni ongempelaveki ukuba ulinikiwe ithuba lokudlala ngumqeqeshi wakhe uClinton Larsen.

“IPirates idlala kakuhle noxa inengxaki efanayo nale yethu. Ndisoloko ndinomnqweno wokufaka amagowuli emdlalweni ngamnye esiwudlalayo kodwa akwenzekanga oko kwegqithileyo.

Aza kuza amagowuli. Ndicinga ukuba umdlalo esiya kuwo uza kuba namagowuli amaninzi.

Ukuba singaphumelela umdlalo ube mnye, lo nto ingasibeka endaweni entle.

Ndifuna ukucela abalandeli bethu ukuba mabasixhase ngamaxesha onke ngoba asiyonto ngaphandle kwabo,” utshilo uLerato.

Imidlalo yePSL:

NgoMgqibelo: Golden Arrows vs AmaZulu FC @Sugar Ray Xulu Stadium, 15:00; Orlando Pirates vs Chippa United @Orlando Stadium, 15:00; Kaizer Chiefs vs Polokwane City @FNB Stadium, 18:00; SuperSport United vs Cape Town City @Mbombela Stadium, 20:15.

NgeCawe: Black Leopards vs Baroka FC @Thohoyandou Stadium, 15:00; Bloemfontein Celtic vs Stellenbosch @Dr Molemela Stadium, 15:00