Athelekisiwe azakudlala kwitumente ephambili

Athelekisiwe amaqela ebhola ekhatywayo azakuthath’ inxaxheba kwitumente yophuhliso lwabadlali abaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesithoba izolo, eMega City Mall, eMlazi. Esi siqendu sesine [kulo nyaka] seDurban U-19 International Football Tournament sizakuqala ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga yeKhala (27,July) ukuya kumhla wesihlanu kweYethupha (5, August) kwidolophi yaseThekwini kwaye izakuthi ibandakanye amaqela aphuma kwihlabathi lonke.

Abadlali namaqela ngokubanzi azakube ekhuphisana ngenjongo enye: ukuphumelela indebe nokufumana ithuba lokuzivavanywa kwabadlali kwiqonga lehlabathi. Ukudlala kule tumente yinto enqwenelwa kakhulu ngamaqela amaninzi ngoba seyivelise abadlali abaphambili ebholeni futhi abadlalela amaqela amakhulu eYurophu. Abantu baya kule itumente bezibuza umbuzo: yazuba ngubani umdlali ozakuqaqamba kweli tyeli? Lo mibuzo iyakuphenduleka ebaleni ungafikanga umhla wesihlanu kweYethupha.

Iqela elaziwayo e-Ivory Coast kwicala lokukhiqiza abadlali, i-Asec Mimosa, lizakuthumela iqela labadlali abancinane kule tumente. Eli qela liqhayisa ngoku ngabadlali abenza iziqwenga kwihlabathi abafana noGervinho, uYaya Toure, uBoubacar Barry, uKolo Toure, uDidier Zokora, uSiaka Tiene no-Aruna Dindane. Ingqonyela yeli qela lase-Ivory Coast, uBenoit YOU, uthe bavuye kakhulu xa bebandakanywa kwitumente yalo nyaka. “Siyakuvuyeka ukudlala kwiDurban U-19 Tournament okokuqala. Kubalulekile kuthi ukukhuphisana namanye amaqela,” utshilo uYOU.

Iintshatsheli zika-2014/15, iFC Midtylland [yaseDenmark], izakuba yinxalenye yale tumente nayo. IMaritzburg United yelizwe loMzantsi Afrika izakuthumela iqela layo labadlali abancinane kule tumente yamaqela asibhozo. La maqela asibhozo azakwahlulwahlulwa abe ziziqhu ezibini. Amaqela amabini aphezulu kwicala ngalinye azakuya kumjikelo olandelayo. Imidlalo izakudlalelwa eSugar Ray Xulu Stadium, eKing Zwelithini Stadium – uze wona owokugqibela udlalelwe eMoses Mabhida Stadium.