Athiwe jize ngezipho amaqela adlala kwiSAB League

Isikhulu sakwaSAB ngethuba sinika umqeqeshi oqeqesha kwiSAB League nesikhulu seSafa iimpahla zebhola ekhatywayo eMonti. Umfanekiso: Siyanda Zakhe/I'solezwe lesiXhosa

Inkampani edidiyela
utywala, iSouth African Breweries, izimisele kakhulu ukuncedisa nokuphucula
ibhola ekhatywayo kwinqanaba elisezantsi kwilizwe lonke loMzantsi Afrika. Njengokuba
iSouth African Football Association iyeyona enoxanduva lokuvumbulula nokuvuthulula
italente kwiindawo ngeendawo, iSAB ngumxhasi omkhulu nothembekileyo walo
msebenzi kwaye ozimiseleyo ukuhlangabezana nazo zonke iingxaki zabadlali
nabaqeqeshi abasantshulayo.

NgoLwesine,
iSAB inike amaqela adlala phantsi kweSAB League apha eMpuma Koloni ngokwezithili
adlala kuzo izinto ezifana neekiti, iibhola, iimpempe nezinye izinto ezithi
zincedise abadlali nabaqeqeshi xa kudlalwa ebaleni kumsitho obubanjelwe kwaSAB,
eMonti. Umsitho lo ubuzinyaswe ziindwalutho zakwaSAB neziphuma kwiSafa –
phakathi kwazo bekukho noPrince Sibam – umongameli weSafa kwisithili
saseBuffalo City Municipality. Intsebenziswano phakathi kweSafa neSAB
ineminyaka engaphaya kweshumi elinesixhenxe leminyaka kwaye uqhogwano lwala
maqumrhu kuvelise abadlali abaninzi abadlala kwinqanaba eliphezulu ngoku.

     Image may contain: 5 people, people smiling, people standing

“Namhlanje
uSAB uphisa ngezinto eziya kumaqela adlala kwiSAB League. Akuphelelanga apho
ke, uSAB uxhasa iinkqubo ezininzi zophuhliso ezifana neenxaso-mali yokufunda
kumaziko emfundo aphakamileyo aphinde aqeqeshe nabaqeqeshi ukusukela ezantsi,”
utshilo uSibam.

Ngabadlali
abangaphaya kwamashumi amabini anesihlanu amawaka (25 000) athi athathe
inxaxheba kwiSAB Leaague kwaye yeyona nkqubo yophuhliso lebhola enkulu eMzantsi
Afrika.