Emva kweenyanga nje ezimbalwa ebhengeze ukushiya kwakhe iSpringbok njengomqeqeshi uHeyneke Meyer, kuvakala ukuba lo mqeqeshi ufunwa ngamandla ngamaqela aseJapan.
ICanon Eagles kunye neDocomo Hurricanes ziyaxhwithana ngokutyikitya uMeyer. Le ndedeba ineminyaka engamashumi amane anesibhozo, ithathe imikhala nje ngomqeqeshi weSpringbok ngonyaka ka-2012, phambi kokuba abhengeze ukwehla kwakhe kwesi sikhundla ekupheleni konyaka ophelileyo. Isigqibo sikaMeyer siye salandela emva kokuba iqela lesizwe ligqibe kwindawo yesithathu kwindebe yehlabathi.
Kwaye kukhangeleka ngathi, ukuya kuqeqesha eYurophu asiyonto ikude kakhulu engqondweni kaMeyer. Lo mqeqeshi, nowadlala indima ebalulekileyo kwimpumelelo yeBulls ngexesha lakhe, unawo amava okuqeqesha phesheya kolwande.
Wayekhe waqeqesha kwelinye lamaqela amakhulu ombhoxo aseNgilane, iLeicester Tigers phakathi konyaka ka-2008 no-2009.
UMeyer akayifihlanga into yokuba ufuna ukuphinda athathe inxaxheba embhoxweni ngokungxamisekileyo, kwaye kulindeleke ukuba uzakuya phesheya kolwandle.
IiBulls bezinomdla wokuphinda zithathe uMeyer njengomqeqeshi, kodwa kuye kwacaca ukuba imali ayibeke itafileni ibizakulohlula eliqela wayesuka kulo lo mqeqeshi.
Ebekhe akhona amarhe okuba uMeyer unomdla wokuba angaphinda atyunjwe njengomqeqeshi weSpringbok. Kodwa uye walirhoxisa igama lakhe ekuhambeni kwethuba kuluhlu labantu abagaqele esi sikhundla.
chris.gilili@inl.co.za
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup