Impelaveki inye yile, azakutsha amadam’ anamanzi xa kudibana amaqela aseThekwini.
AmaZulu aza kuvan’ amandla neLamontville Golden Arrows emdlalweni we-Absa Premier Soccer League ozakube useKing Zwelithini Stadium ngo’15:30 ngoMgqibelo.
Nakubeni amaqela aseKwaZulu-Natal engenakulinganiswa namaqela aseSoweto kwicala lomkhoka – kodwa into abalandeli abanokuqiniseka ngayo ngumdlalo omhle ebaleni futhi osemgangathweni ophezulu.
Omabini la maqela aseKZN azingela amanqaku anokuthi awancede ukuze avale unyaka ekwiindawo ezihloniphekileyo kwiPSL.
Umqeqeshi woSuthu, uCavin Johnson, ukholelwa kwelokuba umdlalo uza kutaka iintlantsi noxa umdlalo wala maqela ungekafikeleli kwizinga eliphezulu.
“Ndineesizini ezimbini ndilapha. Idabi laseThekwini alikafikeleli kumgangatho ophezulu. Noxa kunjalo, ndicinga ukuba ithemba likhona. Kunyaka ophelileyo iArrows yaphumelela umdlalo kowayo, nathi sayibetha ebaleni lethu. Ndicinga ukuba singanemidlalo emikhulu eKZN kunale sinayo ngoku. Ndinethemba, lo nto iya kuqala kulo unyaka. Kufuneka abalandeli bangahlaliswa ndawonye ukuze kubonakale le nto ekuthiwa lidabi ukuba yintoni na. Abadlali bethu baza kulwa ebaleni,” utshilo uJohnson kwincoko abenayo nombhali we-IOL Sport ekuqaleni kwale veki.
Kanti kwelakhe icala, uClinton Larsen, ufuna into enye qha ngoku: ukuvala unyaka ngendlela iqela lakhe eliyiqale ngayo isizini.
ULarsen unethemba lokuba amanqaku iqela lakhe elinokuwafumana kuMaZulu anokulinceda linyukele phezulu kwiPSL.
Abafana Bes’thende bazithembile phambi komdlalo ngoba bayibetha iMaritzburg United kumdlalo wobukhaya.
“Kungakuhle ukuba singayiphumelela yomibini imidlalo yobukhaya futhi kungamnandi ukuvala unyaka ngendlela efanayo naleya sasiqale ngayo isizini. AmaZulu aqhuba kakuhle futhi yaba lilishwa nje okwenzeka kuwo ekuqaleni kwesizini.
Umdlalo wobukhaya eKZN uyakhula kwaye usoloko ubonwabisa abantu kakhulu,” utshilo uLarsen.
Imidlalo yePSL:
NgoLwesihlanu: Bidvest Wits vs Chippa United @Bidvest Stadium, 20:00
NgoMgqibelo: AmaZulu FC vs Golden Arrows @King Zwelithini Stadium, 15:30; Cape Town City vs Bloemfontein Celtic @Cape Town Stadium, 18:00; Maritzburg United vs Baroka FC @Harry Gwala Stadium, 20:15
NgeCawe: Highlands Park vs SuperSport United @Makhulong Stadium, 15:30.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party