Awufikanga ugalelekile umdyarho waseTsomo

Iimbaleki zephondo leMpuma Koloni zizakube zikhuphisana kwiTsomo Half Marathon ngenjixukuxa ngoMgqibelo.

Ngunyaka wesine lo olugqatso lwe-21km luqhuba kwaye lwaziwa kakhulu ngokuba nomtsalane kwiimbaleki ezizawo kwizolonke.

Akuphelelanga apho ngoba kukwakho ugqatso kwe-10km ne-5km kwangolu suku lunye. Maninzi kakhulu amaqela ekulindeleke ukuba abeyinxalenye yale Tsomo Race kwaye umgangatho kulindele ubephezulu kakhulu.

Umququzeleli walo msitho, uNomakhwezi Manqaba, uthi kulindeleke iimbaleki ezifana noLungile Gongqa ophumelele iTwo Oceans Marathon kulo nyaka, uMbongeni Ngxazozo, uBulelwa Simae, uXolisa Tyali, uZuko Khuphiso, uVuyiseka Nkumenge nabanye abaninzi.

Imbaleki ebambe indawo yokuqala kwi-21km izakugoduka neR5 000, okwindawo yesibini uzakufumana iR4 000 kumadoda nakumanenekazi. Kanti kwi-10km imbaleki ephume phambili izakugoduka neR1000, ekwindawo yesibini izakufumana iR8 000.

“Onke amalungiselelo omsitho ahamba kakuhle,” utshilo uManqaba.