Awunyusile umgangatho ebholeni amantombazana

Iintshatsheli zeSasol League kwiphondo laseMpuma Koloni, iThunderbirds Ladies, zivuthulule iHighbury ngo10-0 kumdlalo obu banjelwe eGcuwa kwiveki ephelileyo Umfanekiso: Anele Raziya

Iintshatsheli ezikhuselayo kwiSasol League, iThunderbirds Ladies, isaqhuba kakuhle kakhulu kwinqanaba eliphezulu kwibhola ekhatywayo yamantombazana.

Le yiveki yesithathu eli qela laseGcuwa lihleli phezulu kuluhlu lwamaqela alishumi elinesithandathu kwiSasol League ngamanqaku angamashumi amathathu anesithathu.

NgoMgqibelo kwibala lezemidlalo eWalter Sisulu Yunivesithi eGcuwa, iLadies ibhaxabule kabuhlungu iqela elisemsileni iHighbury ngo’10-0 kumdlalo ubucalanye.

Ibi yimpumelelo yeshumi elinesibini le yeveki ephelileyo ezuzwe yiThunderbirds kwaye ibonakala ingenantanga kwiSasol League.

Oko kuqale isizini kulo nyaka, amanenekazi kaThembalethu Apleni awakaphulukani namdlalo ndaweni yoko abethe kwanto ephambi kwawo.

Ukuzokuthi ga ngoku, iqela likaApleni lifake amagowuli angamashumi amahlanu nethoba emva kokudlala ibathwana lemidlalo elishumi elinambini.

Emva kwalo kulandela iCity Lads yaseBhayi enamagowuli angamashumi amahlanu anesibini.

Nakubeni kukho umsantsa wamagowuli – kodwa la maqela mabini ayalingana ngamanqaku angamashumi amathathu anesithathu.

Nayo iCity Lads ayikaphulukani nawo nomnye umdlalo kule sizini. Ngempelaveki edlulileyo, iLads idlale kakuhle emva kokuzibethela iEastern Rangers ngo’2-0.

IBashee Eagles ibethwe ngo’2-1 yiExecutive Ladies, iBirmingham City ivuthululwe yiEluhewini Ladies ngo’4-1. Nayo iSophakama Ladies izingombele iManchester Babes ngo’5-1 – yaze yona iCumakala yabethwa ngo’1-0 yiAmanqilo Birds.

isibhalo@inl.co.za