Axhelene kwisigaba sesibini – kodwa iPortugal yayibetha iGhana!

UCristiano Ronaldo wePortugal no-Alexander Dijku weGhana emdlalweni weFIFA World Cup obuseStadium 974 ebusuku namhlanje. Umfanekiso: EPA/JOSE SENA GOULAO

Ihleli phezulu iPortugal kuGroup H emva kokudlula kwiGhana ngamagowuli amathathu kwamabini (3-2) emdlalweni wetumente yehlabathi obushushu e974 Stadium ebusuku namhlanje. Okuye kwacaca kwisigaba sesibini kukuba iGhana ngekukho into engeyizuzile ukuba ibidlale isigaba sokuqala ngendlela edlale ngayo isigaba sesibini. Kwisigaba sokuqala iPortugal idlale yodwa noxa ingakwazanga ukudiliza udonga ebelakhiwe yiGhana ebicaca ukuba idlalela ukungabethwa. UCristiano Ronaldo ufake igowuli lokuqala watsho wazenzela imbali ngokuba ngumdlali wokuqala ofake igowuli kwiitumente zehlabathi ezintlanu zilandelelana. Siphelile isigaba sokuqala kungekho nto ebhodini. Isigaba sokuqala besinganiki mdla ngoba bekudlala iPortugal yodwa.

IGhana ibihleli emva ngoba ibingafuni ukonzakaliswa nguCristiano Ronaldo okhe waphantse wanqandwa nguZigi ezipalini sele efikile. Abadlali beGhana badlale kakuhle ngoba bayivimbile iPortugal amathuba okufaka amagowuli. Ibizama yona ukudlala qha iyiphethe ibhola kodwa ibikhawuleza ilahleke ibhola. Linye ithuba elifunyenwe yiPortugal kwisigaba sokuqala, yibhola ephoswe nguRonaldo iphezulu. UFernandes, uR. Neves noJao Cancelo badlale kakuhle esiswini nangona iGhana yenze kwanzima kakhulu kubo ukufikelela kuRonaldo – eyona folosi ekuthenjelwe kuyo yiPortugal. Amathuba weGhana ebe ziikona ezimbini ezivele sekuphela isigaba sokuqala. Ibingumlo onzima kwisigaba sesibini somdlalo. Amaqela omabini abuyele ebaleni axhelana. Emva kokudlala umdlalo ongacacanga kwisigaba, kwesesibini iGhana ibuye ilume ongezantsi.

UMohammed Kudus ngoyena mdlali obeeyinkathazo kwiPortugal. Emzuzwini wamashumi amahlanu anesine, ukhabe ibhola enzima – kodwa ngelishwa iphume ecaleni. UCristiano Ronaldo ufumene ipenela, wayivalela ngokwakhe emnatheni. Yipenela eyakudala ingxoxo ngoba ayicacanga. AmaGhana khange atyhafe – aye phambili ngokukhulu ukuzithemba. Emva kwemizamo eliqela, iGhana ifumene igowuli elifakwe ngu-Andrew Ayew. Ubhakuzelise umnatha emva kokubhutyuzwa kwebhola ngabadlali bePortugal. Ifumene igowuli lesibini iPortugal ngebhola efakwe nguJoao Felix. URafaelo Leao ufake elesithathu emva koko. Izamile ukulwa iGhana yalifumana igowuli lesibini elifakwe ngu-Osman Bukari. Ngelisha iGhana ayikwazanga ukufumana elinye, yaphumelela iPortugal yatsho yahlala kwindawo yokuqala kuGroup H.