Aya edabini ngamandla onke akaBenni

USurprise Ralani weCape Town City noSiyanda Xulu weMaritzburg United ngethuba kusungulwa i2018 MTN8 eJohannesburg Park Station UMFANEKISO: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Kwisizini yayo yesithathu, iCape Town City iza kulwela ukuphakamisa indebe yesibini emva kokuyiphosa kwisizini edlulileyo.

ICity indwendwela iMaritzburg United kumdlalo wokuqala weMTN 8 oza kube useHarry Gwala Stadium. Ngaphandle kwamathandabuzo, umdlalo wona uza kutaka iintlantsi ngoba kudibana abaqeqeshi abaselula ngokweminyaka futhi abazimisele ukuzenzela udumo ebholeni yaseMzantsi Afrika.

UBenni McCarthy, ongene kwisizini yakhe yesibini njengomqeqeshi kwiveki ephelileyo, unethemba lokuba izinto zakumhambela kakuhle kule sizini emva kokuba iqela lakhe labethwa yiSuperSport United kumdlalo wokugqibela weMTN 8 kunyaka ophelileyo.

Umdlali weCity ofikayo ogama linguSurprise Ralani utsha zintambo kwaye unethemba lokungcamla impumelelo eMzantsi Afrika okokuqala emva kokuchitha iminyaka emininzi edlalela iqela laseSweden.

Lo mdlali utyikitywe nguBenni emva kokupasa uvavanyo. “Ngumdlalo obalulekileyo lo weMTN 8. Hayi kum ndodwa, kwiqela lonke ngoba lakuva ukubethwa kumdlalo wokugqibela ukuba kunjani.

Kwakukubi kubadlali ngoba babezimisele ukuphumelela. Ngoku sifumana ithuba lesibini; icekwa likuthi ngoku.

Ndiyakulangazelela ukudlala ngoba ndineenyanga ezisibhozo qha ndilapha. Kungakuhle ukuba singayiphakamisa le ndebe,” utshilo uRalani ngethuba kuphehlelelwa iMTN 8 Cup kutshanje eGoli.

Kuza kube kudlana iintsimbi ngoba iCity iya edabini ngamandla wayo onke emva kokubetha iSuperSport United ngo’2-0 kumdlalo wePSL wokuqala eKapa.

Kodwa kwelinye icala, uFadlu Davids uza kube efuna ukulungisa izinto emva kokuba iTeam of Choice ibethwe ngo’2-0 yiGolden Arrows kwiveki ephelileyo.

Emva kokubethwa yiFree State Stars kumdlalo wokugqibela weNedbank Cup – eli lithuba elihle leMaritzburg lokuzama ukuphumelela indebe okokuqala kubomi bayo kwiPSL kwiminyaka elishumi elinesihlanu.