Ayabulela: Andikakholelwa ukuba ndim nyhani intshatsheli

Intshatsheli entsha, uAyabulela Marulumba noChris Nguta, emva kokuphumelela kwitumente ebibanjelwe eGoli. Umfanekiso: Uthunyelwe

“Andikakholelwa ukuba ndim nyhani intshatsheli,” utshilo uAyabulela Marulumba, oyintshatsheli entsha yoMzantsi Afrika emdlalweni woosozoso. UMarulumba, 24, ubuye ethwele isithsaba emva kokubamba indawo yokuqala kudidi lwe70kg kukhuphiswano lukazwelonke (SA Championship) lwe-International Federation of Bodybuilding and Fitness (IFBB). Oku kwenzeka eseneminyaka embalwa kakhulu engusozoso uMarulumba kwinqanaba eliphezulu. Encokolela I’solezwe lesiXhosa, indedeba yaseLusikisiki ivumile ukuba ibingayilindelanga impumelelo eyizuzileyo. “Lelona khuphiswano olukhulu eMzantsi Afrika eli ndisuka kulo, ebendingalindelanga ukuba ndingaphumelela kulo. Ndiye phaya (eGoli) ndisithi ndijonge iTop 6 ngoba kunzima kweliya inqanaba. Kodwa ngenxa yokusebenza ngokuzimisela, ndizibone ndifumana indawo yokuqala. Ndonwabe kakhulu ngoba yinto enkulu kakhulu kum le ndiyifumeneyo. Kutsho kwakho umahluko, nasejimini ngoku abantu bayandihlonipha ngoba ndiyintshatsheli,” utshilo uMarulumba.

Ukuba ngusozoso yinto enzima kwezemidlalo ngoba ngumdlalo ongekaziwa kakhulu ngabantu futhi akukho nenkxaso-mali evela kurhulumente nakwabezoshishino. Nangona kunjalo, uMarulumba ungene wathi tsotsololo ngenxa yothando. Emva kokuphumelela kolona khuphiswano olukhulu, uthe: “Kukuzinikezela eyona nto iphambili. Ukuzilolonga kukodwa akwanelanga; umntu kufuneka enze umsebenzi xa eseqongeni. Enye into eyohlula amadoda emakhwenkweni yindlela umntu atya ngayo. Ukungakutyi ukutya okungenatyiwa, amafutha nezinto ezifana neswekile kuyababetha abantu abaninzi.” Ekuqaleni kwakhe ngo-2017 phaya eFort Hare University, wayesenza nje uMarulumba kuba ethanda ukujima. Uqale ukuzimisela ngethuba elungiselela itumente ebiseDurban kwiinyanga ezidlulileyo apho wafumana indawo kwiTop 6. Kodwa izinto ziphucuke ngakumbi akudibana nentshatsheli yoMzantsi Afrika kwicala loosozoso, uChris “The General” Nguta, omfake phantsi kwephiko lakhe.

“Kube yintsikelelo kum ukudibana noGeneral ngoba undincede ngezinto ezininzi. Ngoyena mntu ondityhilele ngokupheleleyo ngomdlalo woosozoso (Bodybuilding) wandifunela nabaxhasi. Undixelele izinto abanye abantu abangazithethiyo, wafuna amacebo kwabanye abantu kuba efuna ndibe ndaphezulu kuye. Ibe yinto enkulu kakhulu ukudibana kwam naye,” uvale ngaloo mazwi uMarulumba.