Ayahluzana amaqela kwi-ABC Motsepe League

Anyusa iikawusi amaqela kwiMotsepe League

Ingena kuvutho-ndaba ngoku imidlalo ye-ABC Motsepe League kwiphondo leMpuma Koloni.

Mahlanu amaqela aphala phambili ngamanqaku – kodwa njengokuba kungenwa kwisigaba sesibini sesizini, yiFuture Tigers FC ethe ngcu endaweni yokuqala.

ITigers FC iqokelele amanqaku angamashumi amane anesibini emva kwemidlalo elishumi elinesibhozo.

Kulandela i-EC Bees eshiywa ngenqaku elinye jwi nangona isenomdlalo omnye esandleni.

UMthatha City, okwindawo yesithathu, ushiywa ngamanqaku asixhenxe yiTigers – kodwa nangona kunjalo unalo ithuba lokunyukela phezulu ngoba idlala kakuhle kwimidlalo elandelayo.

Kolu khuphiswano lwamaqela adlala kwiMotsepe, kukho amaqela azamayo ukusukela lawo aphambili afana neLion City neTornado.

Kulindeleke ukhuphiswano lube nzima phakathi kweTigers ne-EC Bees kule sizini, ngokuba ngawona maqela adlala umdlalo ocacileyo futhi akwaziyo ukuqokelela amanqaku kwimidlalo yawo.

ITornado, eqhele ukugqugqisa kwiMotsepe League apha eMpuma Koloni, iyasokola kule isizini.

Umqeqeshi wayo, uThobela Bikwani, kufuneka asebenze kakhulu ngokuba udlala namaqela awufunde ngokupheleleyo umdlalo weqela lakhe.

ITigers iya eBhayi kule mpelaveki – apho izakuthi ilwele amanqaku apheleleyo. IBuffalo FC yamkela uMthatha City kumdlalo ozakuba nzima kakhulu eJan Smuts Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo.

Imidlalo yeMotsepe League:

Milan vs Zimbane Killers FC @Idutywa Stadium 15:00

Young Ideas FC vs Future Tigers @FCN.U.2 Motherwell Stadium 15:00

FC Buffalo vs Mthatha City @Jan Smuts Stadium 15:00

Highbury FC vs City Lads FC @Gelvandale Stadium 15:00

Morning Stars vs Lion City FC @Zwide Stadium 15:00

EC Bees FC vs Tornado @Bisho Stadium 15:00

Walter Sisulu University vs Swartkops Valley United @Bika, Butterworth 15:00

Matatiele Professionals vs Callies FC @Thandanani Stadium Matatiele 15:00