Ayamkhusela uCoetzee amagqala eBoks

Abaqeqeshi baMabhokobhoko bangaphambili banike inkxaso kumqeqeshi oyintloko weSpringboks * -Allister Coetzee emva kwezigxeko athe wazifumana emva ngokungaqhubi kakuhle kweli qela lesizwe.

UCoetzee nobhengezwe ebutsheni balo nyaka njengomqeqeshi weBoks omtsha, ugxekwe kakhuku ngenxa yokudlala kakubi kweqela lomboxo. Phantsi koqeqesho lukaCoetzee iBoks iphumelele uluhlu lwemidlalo emithathu yovavanyo, ibidlala kuyo kunye ne-Ireland.

Eli qela liqale umgangatho usezantsi kakhulu kwimidlalo emibini kunye ne-Argentina. IBoks iphumelele kumdlalo wokuqala ngendlela engancumisiyo kwaphela eNelspruit. Kwiveki ephelileyo i-Argentina iye yaphumeleleyo xa ibidlalela kowayo.

“Ngoku ngu’2016 kodwa xa uqaphela amaqela ethu eSuper Rugby awakadlali umdlalo odibeneyo, asikwazi ukuthatha isigqibo ngenani la maqela afanelwe kukudlala kwiCurrie Cup. Enye ingxaki kukunqaba kwabaqeqeshi abanamava,” utshilo * -Andre Markgraaff owayengumqeqeshi weBoks ngo’1996.

“Into esiyibonayo ngalo mzuzu kwiSpringboks ziziphumo zeengxaki esijamelene nazo. Ayisokuze incedise into yokugxeka umqeqeshi, kuba umbhoxo walapha eMzantsi Afrika uneengxaki eziliqela.”

UCarel du Plessis owaye ngumqeqeshi weBoks, ngo’1997 uthi i-SARU ichithe ixesha elininzi izibonakalisa amandla ayo ingasebenzisani nabantu.

“Izakhono zethu sizijongelwe phantsi, nangona singabantu abakwaziyo ukuthatha izigqibo kodwa asikafikeleli kwizinga le-All Blacks. Asikwazi kufaka uxinizelelo kwamanye amaqela kuba xa sidlala sixhomekeke ekusebenziseni abadlali abanezihlunu kakhulu. Yonke lento ifuna ixesha elinzi ukuze kulunge kwakhona,” utshilo uDu Plessis.