Ayanda Matiti: Amakhwenkwe akulungele ukukhwela eqongeni

Umphathi weXaba Promotions, u-Ayanda Matiti, uthi konke kume ngommo phambi kwetumente yamanqindi ngomso. Umfanekiso: Bhekizizwe Radebe

Zikulungele ukukhwela eqongeni iimbethimanqindi ekulindeleke zixhimfane kwitumente yeXaba Promotions and Events kwitumente ezakuba se-ICC ngentsimbi yesixhenxe ngomso. Oku kubhengezwe ngumongameli weXPE, uMnu. Ayanda Matiti, emva koxilongo olwenziwe ngugqirha Zondi kwimbethi manqindi ezisibhozo eziza kulwela intshinga zehlabathi e-Osner Hotel. “Zigaleleke ngomvulo zonke iimbethi manqindi zangaphandle.Ugqirha uzilolongile zonke zikulungele ukukhwela ukulwa ngolwesihlanu,” uMatiti utshilo.

Le ndedeba ithi iyakuba ngumbono omhle ukuba iimbethimanqindi zeli lizwe zingaphumelela zonke kwimilo yentshinga zehlabathi. “Iyakuba sisipho esihle kakhulu kuMongameli wokuqala ontshundu utata uNelson Mandela ukuba zinokuphumelela zonke ezi mbethimanqindi zalapha eMzantsi Afrika zilwela,” utshilo uMatiti.

Intshatsheli ye-IBO, uGideon Buthelezi, oyenye yeembethimanqindi eziqabela eqongeni ngomso – ithi iqinisekile ngempumelelo. “Ndimbukele uLucus Fernandez yaye ndizibonile iimpazamo zakhe. Ndiqinisekile ukuba ndiyika kuyikhusela ngempumelelo intshinga yam,” utshilo uButhelezi.

Umceli mngeni kwintshinga kaButhelezi uLucas Fernandez wase-Argentina uthi akukho mehluko omngako phakathi kwelizwe lakhe noMzantsi Afrika. “Akukho mehluko mngako ngokwesimo sezulu kula mazwe mabini. Ndikhe ndayibukela imifanekiso bhanya-bhanya yemilo kaButhelezi, noko akayombethimanqindi enobungozi kakhulu. Ndiza kuwuphumelela umlo,” utshilo uFernandez.

Imbethimanqindi yasePhilipine, uRene Dacquel, uza kunyathalana ngeentupha noYanga Sigqibo waseZiphunzane kumlo weWBC International enganamntu, ithi inqwenela ukulingqengisa ngophotho eli tyendyana. “Ndikhe ndazinika ithuba ndabukela imilo yakhe; uyimbethi manqindi ekhawulezayo. Ndifuna ukumngqengqisa ngophotho, kodwa ukuba akwenzeki oko – ndakuzama kangangoko ndinako ukuqokelela amanqaku aza kundiphumelelisa lo mlo,” utshilo uDacquel.

OkaSigqibo ukholelwa kwelokuba ukubamde kwakhe kuDacquel ngesithomo kuza kuwenzela lula umlo. “Ndimbukele lo mfana. Yimbethimanqindi ethanda ukusebenzisa amandla. Into endiqonda ukuba iza kundinceda kukuba mfitshane. Ndiza kusebenza ngalo nto,” utshilo uSigqibo.

Eminye imilo yentshinga zehlabathi iquka oka Ntlantla Ngamntwini uqubisana no-Ulises Lara waseMexico kwiWBA international enganamntu; u-Uyanda Nongogo ungquzulana no-Aziz Uliza kumlo we-IBF Youth.