Ayantywizisa AmaZulu emva kokubethwa yiPolokwane City

Jabulani Maluleke of Polokwane City during the Absa Premiership 2018/19 game between Baroka FC and Polokwane City at Peter Mokaba Stadium in Polokwane the on 3 March 2019 Kabelo Leputu/BackpagePix

AmaZulu ayantywizisa
emba kokuba ephise ngamanqaku ngomzuzu wokugqibela emdlalweni we-Absa
Premiership abethwe kuwo yiPolokwane
City
ngegowuli elinye
eqandeni (1-0) e-Old Peter Mokaba Stadium emalanga namhlanje. Lo ngumdlalo
wesibini ophunyelelwe yiPolokwane, kanti kwelinye icala – AmaZulu abethwe
emidlalweni emibini kule sizini. UCavin Johnson uqale umdlalo wanamhlanje
ngabadlali abanamava abafana noSiyabonga Mbatha, u-Ovidy Karuru nefolosi
eyaziwayo – uLehlohonolo Majoro. Amaqela axhwithene zibekwa emdlalweni, ilelo
kubonakala ukuba lifuna ukuphumelela. UMohammed Anas uphantse watsazisa igazi
ngebhola embi ayikhabe ekuqaleni komdlalo – kodwa ifike uMbatha ethe qwa. AmaZulu
ahlasele nawo esebenzisa uMajoro nesiquququ somdlali wasesiswini, uSiyethemba
Sithebe – kodwa umzamo wabo awukwazanga ukumfaka engxakini uGeorge Chigova
wePolokwane ezipalini.

Isiqingatha
sokuqala siphele kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Umqeqeshi wePolokwane City
ubone kufanelekile okokuba makafake uVusimuzi Mngomezulu endaweni kaBongile
Booi ngelizama ukunyanzela AmaZulu ukuba avule emva. Igqala ebholeni
ekhatywayo, uJabulani Maluleke, ukhabe ibhola embi – kodwa iphume ecaleni
kwepali. Abadlali bamaqela omabini bazamile ukuhlasela macala kwiziqingatha
zomdlalo zozibini – kodwa igowuli lithe gqi ngomzuzu wokugqibela ngebhola
ekhatywe nguMohammed Anas emva kokufumana ibhola entle kakhulu kuJabulani
Maluleke. Ngalo ndlela, yaba iPolokwane
City
ifumana amanqaku
apheleleyo emdlalweni wesibini emba kokuvula kakuhle kwiveki ephelileyo.

  

Polokwane City:
Chigova, Mvelase, Hlongwane, Mbonani, Motloung, Manaka, Nene, Booi, Hlubi,
Maluleke, Anas.

Amalalela: Phadi, Nthatheni, Mashumba, Chauke, Maluleke,
Mphambaniso, Mngomezulu.

AmaZulu FC: Mbatha, Sikhakhane, Mabilso, Xoki, Gumede, Vilakazi,
Sithebe, Ncobeni, Karuru, De Jong, Majoro.

Amalalela: Boshoff, Gumede, Darpoh, Magada, Chawaphiwa, Maduna, Ntuli.