Ayavuya Amakhosi ayoyise nzima iCasric Stars emdlalweni weNedbank Cup!

UKeagan Dolly no’Ashley Du Preez bevuyela igowuli lempumelelo emdlalweni weNedbank Cup obubhakathi kweKaizer Chiefs neCasric Stars namhlanje eFNB Stadium. Umfanekiso: ©Gavin BarkerBackpagePix

Ekugqibeleni, Amakhosi ayifumene impumelelo abeyidinga ukuze adlulele phambili kwiNedbank Cup. Oku kwenzeke emva kokuba oyise nzima iCasric Stars FC ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obubanjelwe eFNB Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Nakubeni iKaizer Chiefs isiya phambili kwiNedbank Cup emva kokufumana impumelelo – kodwa umqeqeshi wayo ngeke onwabe yindlela abadlali bakhe abangawasebenzisanga kakuhle ngayo amathuba avelileyo emdlalweni. Kwelinye icala, abadlali beCasric Stars baza kubuyela kwiphondo laseMpumalanga bezingomba isifuba emva kokuyisokolisa iChiefs phambi kwabalandeli bayo eFNB Stadium.

Emzuzwini weshumi kwisigaba sokuqala, iChiefs ihambe phambili ngegowuli elifakwe ngepenela nguBonfils Caleb Bimenyimana. Ipenela ithe gqi emva kokuba umdlali weCasric engakwazanga ukuchitha kakuhle ibhola ebethe esandleni yakhonjwa echaphazeni ngusompempe obephethe umdlalo. Elo ibilithuba elihle leChiefs lokuyicishilela iCasric FC ukuze kuyiwe kwixesha lokuphumla umcimbi sowucalanye – kodwa endaweni yoko, yiCasric ebe namandla okuxhathisa emdlalweni. Kwisigaba sesibini, iqela elidlala kwiMotsepe Foundation Championship lifumene igowuli lokulinganisa ngonyawo lukaKgomotso Mosadi okhabe ibhola yamshiya elele uBrandon Petersen ezipalini zakhe.

Akuphelanga mzuzu emva koko, iChiefs iphendule ngegowuli elifakwe ngu’Ashley du Preez onikelwe ibhola entle nguKeagan Dolly. UDu Preez uthathe indawo kaZitha Kwinika owenze impazamo endaweni embi ukuze kungene igowuli kuPetersen. Ihlasele iChiefs amatyeli aliqela – kodwa iinzame zayo khange zize nanto encumisayo. Kwimizuzu yokugqibela, iCasric FC ikhe yafumana ithuba elihle lokufumana igowuli lesibini – kodwa walile uPetersen. Amaqela asibhozo ashiyekileyo ngoku kwiNedbank Cup ngala: Kaizer Chiefs, Royal Am, Mamelodi Sundowns, Dondol Stars, Orlando Pirates, Sekhukhune United neChippa United. Amaqela aza kuthelekiswa kwiveki evulelwa namhlanje eGoli.