Ayifikaka igalelekile iDr Mafuya Fun Run eGcuwa

Iimbaleki zaseMnquma nezeziphaluka ezingqongileyo kulindeleke ukuba zikhuphisane kumdyarho, iDr Mafuya Fun Run, exhaswa liphephandaba I’Solezwe lesiXhosa esindlekwa minyaka le kwidolophu yaseGcuwa. Lo mdyarho uzakube ugqiba iminyaka elishumi elinesihlanu wasungulwayo, kulindeleke ukuba ubanjwe ngoMgqibelo kusasa ngentsimbi yesibhozo.

Zizakuqala ngaphambi kweziko lezempilo likaDr Mafuya iimbaleki ukubaleka uyokujika kwii-ofisi zesebe lezemfundo iBTC, ezinze kwindawo yaseMission engaphandle kwidolophu yaseGcuwa, ziphinde zizokungena kule ndawo beziqale kuyo.

Sincokola nomququzeleli walo mdyarho, uLulama Tase uthe, le Fun Run yohlukile kunezo bebefudula bezisindleka kwiminyaka edlulileyo, kuba lena ixhaswa liphephandaba I’solezwe lesiXhosa, nto leyo echaza ukuba neembasa zalo nyaka zizakuthanda ukuthi kratya xa uthelekisa nakuqala.

“Iimbaleki eziphumelele le Fun Run mazilindele lukhulu kwiimbasa zethu kulo nyaka, kuba uDr Mafuya ufumene inkxaso entsha kulo nyaka,” utshilo uTase

Uqhube wathi, ezo mbaleki ziphume phambili kwabasetyhini kunye nakumanene zizakufumana imali ethe xhaxhe xa kuthelekiswa nebezikade ziyiphumelela minyaka le.

Uyichaphazele neyokuba abantu abadala bazakukhuphisana kwiFun Walk ngeenjongo zokuba bashukumise igazi ukwazi bahlale besempilweni. Yonke imbaleki okanye umntu ofuna uthatha inxaxheba kule Fun Run makaqhakamishelane naye (Mr Tase) kule nombolo 083 760 9125 abhalise ukulungiselela usuku lokubaleka.

Kunyaka ophelileyo, lo mdyarho waphunyelelwa yidyongwana yaseDutywa eMbhashe, uYanga Malusi (18).

UYanga uyiphumelele yonke iimidyarho ebisindlekwe eGcuwa kunyaka ophelileyo.