Ayifikanga igalelekile ingxikela yetumente yebhola eMthatha

Iintshatsheli zetumente yaseLibode zivuyela ukufumana indebe kunyaka ophelileyo. Umfanekiso: Facebook

Kwenziwa amatiletile okuqinisa inkqubo yophuhliso lwebhola ekhatywayo eMthatha. Ekuseni ngentsimbi yesibhozo, oompondozihlanjiwe bamaqela ebhola aza kuvana amandla kwitumente yeentshatsheli ebizwa ngokuba yiBig 8 Sport Tournament kwibala laseWalter Sisulu University. Eli vela tanci letumente lihlanganyelwe ziinkampani ezine zonke. Abalawuli bazo banenjongo yokubangula itale elutsheni lweedolophi ezifana neNgqeleni, uMthatha, uMqanduli naseNgcobo. Imidlalo ayiphelelanga ebholeni ekhatywayo kuphela, namanenekazi akube ekhuphisana emidlalweni yomnyazi kwelinye icala.

Iintshatsheli eziphume kwiitumente ezine, zizo eziza kudibana eWalter Sisulu Stadium ngentseni yangoMgqiblo. Abaququzeleli bacele amaqela aye namaqela omeleleyo emidlalweni yeBig 8 Sport Tournament ngoba nangona isisiqendu sokuqala setumente – kodwa bazimisele ukuza nento enkulu ngakumbi kunyaka ozayo. “Sigqibe kwelokuba kubekho itumente enkulu apha eMpuma Koloni. Akungadlalwa nje phaya ezilalini kuphelela apho. Kukho italente, amaqela aphezulu akayi kweziya iindawo, kube kukho iintwana eziyidlalayo neziyithandayo ibhola. Sithe masidibanise iintshatsheli ndawonye ukuze zikhuphisana phambi kwabacholacholi betalente esibamemileyo,” utshilo umququzeleli weBig 8 Sport Tournament.

Amaqela avumelekile ukuchongaa abadlali abasemgangathweni ophezulu nakwamanye amaqela kwiindawo akuzo. “Kuba sisayisungula, sithe masingayenzi ibe nkulu. Kuzawudlalwa ibhola ekhatywayo neyomnyazi. Silindele iindwendwe ezisuka kwiMamelodi Sundowns, kwiTS Galaxy nakwiCape Town City,” utshilo umququzeleli. Amaqela aphumeleleyo aza kugoduka encumile kakhulu. Iintshatsheli ziza kufumana iR20 000 nendebe ekhatshwa ziimbasa. Elibambe indawo yesibini liza kufumana yesibini iR10 000. Kanti ngaphezulu koko aza kuphiwa izikipha zokudlala.