Ayikacaci imeko kaPat Lambie

Sele kuphele inyanga ngoku oko umdlali weSharks okhabayo uPat Lambie wonzakalayo. Umqeqeshi weli qela uGary Gold usoloko edibana nombuzo omnye wokuba uLambie kumaxa injani imeko yakhe.

ULambie ubaluleke kakhulu kwiminqweno yeSharks yokuphumelela iSuper Rugby. Ngokwendlela izinto ezime ngayo ngalo mzuzu kubonakala ngathi uLambie akahambanga nabanye abadlali ukuya eWellington, iSharks izakudlala khona umdlalo neHurricanes ngoMgqibelo. Lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesihlanu usabonakalisa iimpawu zomntu owenzakeleyo entloko, ukususela oko wayegilwe ngu-CJ Stander kumdlalo wovavanyo phakathi koMzantsi Afrika ne-Ireland.

Ngaphandle komenzakalo wakhe uLambie, abantu bebebhidekile xa bekuvakala ukuba uLambie akazukudlala kwiplayoffs zeSuper Rugby, ngenxa yokuba udlale imidlalo emithathu kuphela kwiiSharks kule sizini. Phambi kokuba iqale isizini yeSuper Rugby, amaqela ayenyanzeliswe ukuba afake amagama abadlali abangamashumi amane aza- kubasebenzisa. Into embi kukuba uLambie ebengekho nangoko, wayenzakele egxalabeni xa iqela beliziqeqesha ingekavulwa isizini. Abaphathi beqela bebethe ukuze afumane ithuba lokudlala kwiplayoffs kufuneka adlale ubuncinci imidlalo emine kule sizini.Obengene endaweni kaLambie, uGarth April akenzanga msebenzi uncomekayo kakhulu. Nangona kunjalo, iSharks ikwazile ukusebenza ifikelele kweli nqanaba leSuper Rugby.

NgoMvulo uGold uzamile ukuyicacisa into kaLambie.

“Zimbini izinto ezenzekayo kule nto, okokuqala kukwenzakala kukaLambie, okwesibini yimithetho yeqela ngokubuya komdlali. ULambie kufuneka aphile ngokugqibeleleyo ukuze akwazi ukuphinda aziqeqeshe kwakhona, ngoku ayikenzeki lo nto,” utshilo uGold.