Kulindeleke ukuba umgangatho inyuke ngakumbi ngempelaveki xa amaqela ombhoxo edibana kwakhona emidlalweni yeBrutten Top 10 eza kube ibanjelwe eSisa Dukashe Stadium ukusukela ngentsasa yangoMgqibelo. Amanye amaqela aya emidlalweni elandelayo kumnandi kuwo kakhulu emva kokuqhuba kakuhle emidlalweni yempelaveki egqithileyo. Nakubeni kunjalo, amanye ayophisa emva kokuphulukana nemidlalo yawo kwitumente yombhoxo edlalwa ngamaqela akwiBorder Rugby Union.
Imidlalo egqithileyo yonke ibinzima ngoba amaqela azimisele ukuthatha indebe yeBrutten Top 10 ephelelwe ekuqaleni kwale nyanga eMonti. Emdlalweni wokuqala, iBCM ivuthulule iKomga United ngo’32-12. Ukuxhathisa kwayo iKomga kwisigaba sokuqala khange kuphumele kwesesibini ngoba iBCM iwakhuphe onke amandla wayo. Yona iEL Police iphumelele ngongciphu. Ibethe iLovedallle College ngo’21-20 emdlalweni obutaka iintlantsi. Amapolisa ancedwe ngamava abantwana bebhokile.
Elinye lamaqela ombhoxo elaziwayo, iSwallows, lizicacisile ukuba umgangatho walo ungasentla kunamanye ngokubetha iFB United ngo’24-14. Kanti yona iWSU All Blacks izibethele iFort Hare Blues ngo’21-20 emdlalweni wamaziko emfundo ephakamileyo kwiphondo leMpuma Koloni. Imidlalo elandelayo iza kunika umdla ngakumbi ngoba amaqela aza kuya kuyo efuna ukwenza izilungiso, logama amanye aza kube efuna ukuphumelela ukuze andise amathuba okuphumelela indebe yesiliva.
Imidlalo yangempelaveki imi ngolu hlobo: iYoung Leopards iza kudibana neSwallows efuna impumelelo yesibini emdlalweni wokuqala ngentsimbini yeshumi eSisa Dukashe Stadium. Kolandelayo, iUnited Brothers idibana neLovedale eyophisayo ngentsimbi yeshumi elinesibini emini. Emva kokubethwa kwayo iFB United, iza kuya kwiBCM eyingozi ifuna ukuphumelela. Ngentsimbi yesine emalanga, iEL Police iza kudibana neFort Hare Blues eyophisayo emdlalweni wokugqibela.
UManqoba Mngqithi akonelanga ncam ngu’4-0 ofunyenwe yiMamelodi Sundowns