Umhlalutyi bebhola ekhatywayo ophambili, uSinesipho Mali, uthi akukho nto eyogqitha ukuzimisela xa ufuna into ebomi. Le ndedeba yelali yaseNgxwalane, eQonce, ikuthethe oku emva kokubuya eNew Zealand naseAustralia – apho ibiyinxalenye yaBanyana Banyana abathathe inxaxheba kwiFIFA Women’s World Cup yalo nyaka. UMali ngumhlalutyi webhola ekhatywayo kwiSABC Sport TV futhi ukwanguye nomqeqeshi kwelinye icala.
Emva kweseshoni yocweyo ebekuxhotyiswa kuyo abaqeqeshi eGcuwa, uMali ubalisele uhambo lwakhe njengomqeqeshi ukusuka kwiPretoria City Sports Academy ngo2015 – unyaka awayokufunda ngawo eSpain.
Ngoba wayefuna ukuba yinto ayiyo namhlanje, wayedinga imali yokuhamba – kodwa wade wayokufika eYuropu emva koko zange aphinde ajonge ngasemva. Emva kokufunxa ulwazi eYurophu, usetyenziswe ngamaqela adlala kwiPSL ngenxa yolwazi lakhe olutyebileyo.
“Indlela yam iyamangalisa. Ukusukela kwiChippa United, Kaizer Chiefs nokufumana inyhweba yokusebenza namaqela esizwe,” utshilo uMali. “Liphupha lomntu wonke ukuya kwitumente yehlabathi emva kokuya kwiAfcon kabini enyakeni omnye. Okubalulekileyo kum naku: nokuba usukaphi, ungayifumana impumelelo.
“Into efunekayo kukuzimisela entweni oyenzayo. Lo nto ithi indlela ocinga ngayo nendlela osebenza ngayo, zezona zinto ezivula indlela yakho eya empumelelweni. Ndisoloko ndisithi ebantwini: ukuba uzixelele, akukho nto ongena kuyenza.
Ndisuka kwiAfcon kabini nakwiCosafa – kodwa akukho nto eyogqitha itumente yehlabathi,” utshilo iSinesipho, wongeza ngelithi uza kufunda ukuze akhuphele ulwazi kwabeza emva kwakhe.
“Eyona nto ephambili kum ngoku kukuzixhobisa ngolwazi. Ndifunda eBarcelona University kanti ndiphantsi kwenkqubo yoqeqesho ye-UEFA ngaxeshanye.
“Zombini ezo ndawo zindifundisa nzulu ngebhola ekhatywayo. Ndiyafunda ngoba ndifuna ukwazi konke okwenzeka ebholeni yehlabathi. Enye yezinto endizithanda kakhulu kukwabelana ngolwazi nabanye abantu njengokuba nibonile apha namhlanje.
Ndiza kuqhubela phambili nokuphokozela abanye abaqeqeshi ngezinto ezintsha nezenzekayo ebholeni yehlabathi. Kodwa ngaphezulu kwayo yonke into, ndizimisele ukukuncedisa uWalter Stennbok (weSafa) ozama ukuphucula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika,” uvale ngaloo mazwi uSinesipho.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!