Ayinathuba kwiCurrie Cup i-Eastern Province Kings

URob Kempson owayengumqeqeshi we-EP Kings kwimidlalo yeCurrie Cup uthi akaqondi ukuba eli qela lizakukhuphisana kwinqanaba leCurrie Cup kulo nyaka.

Lo mqeqeshi ukhe wadlala kwiqela lesizwe lamabhokobhoko, kwaye ebephendula emva kweendaba zokuba enye yeenkampani ezixhasa lo mbutho ibalekile. Ngokweengxelo ezivelileyo i-EP Rugby iveze icebo lokuhlangula lo mbutho kwinkundla ephakamileyo yaseBhayi, nalapho isigqibo sokubhangiswa kwalo mbutho kulindeleke senziwe ngomhla wesine kwinyanga ezayo.

Umbutho olawula umbhoxo kweli i-SARU ilithathele kuyo ulawulo lwalo mbutho, ingakumbi iSouthern Kings kwiSuper Rugby yalo nyaka. Lona iqela leCurrie Cup belisebenza njengabadlali abangabhatalwayo.

I-EP Kings igqibe kwindawo yeshumi elinesihlanu kwimidlalo yokulwela indawo kwiCurrie Cup. Eli qela liphumelele imidlalo emibini kuphela kwelishumi elinesine. Ngenxa yokuba lidlala kwiSuper Rugby eli qela lo nto ilinika ilungelo lokudlala nakwiCurrie Cup. “Ngoku ifana nento engasokuze yenzeke ukuba iKings idlalise iqela elikwaziyo ukukhuphisana kwiCurrie Cup,” utshilo uKempston.

“Nokuba iKings ikwazile ukudlala kudidi lokuqala, izakufuna umsebenzi kakhulu loo nto.” UKempston akazukuqeqesha iiKings kolu khuphiswano, kulindeleke ukuba abambe isikhundla sokuba ngumphathi we-EP Rugby Academy.

“Abekho abadlali abatyikitye zivumelwano zokusebenza ne-EP Rugby, abashiyekileyo, bazakuya kwamanye amaqela.”