Ithiwe wambu lilifu elinyama iChippa United kanye phambi kokuqala kwesizini yePremier Soccer League. Njenjikalanga yayizolo, iChippa ipapashe isaziso kumakhasi onxibelelwano esithi akasekho emhlabeni uThanduxolo Ntoni. Ingxelo ithi isweleke emva kokubandakanyeka engozini yemoto.
Akukho zinkcukacha ezipapashiweyo ngonobangela wengozi – kodwa iChippa ithe amagosa omthetho ayaphanda. “Sithi masazise ukushiywa kwethu ngumanejala obejongene nendlela abanxiba ngayo abadlali bethu,” itshilo iChippa kwingxelo ebhaliweyo.
“UThanduxolo ebelilungu elithembekileyo futhi elisebenza ngokukukhulu ukukhuthala kwiChippa United. Nguye obeqinisekisa intlalontle yabadlali bethu. Uya kuhlala ekhunjulwa ngabantu abamaziyo ngokuba nobuntu.
“Sithi ngxe kwikhaya lakwaNtoni ngeli xesha lobunzima,” utshilo iChippa United. UNtoni, obekusithiwa nguYobho, ebenethuba elide esebenzela iChippa. Ebengumntu oyithandayo futhi ebamkela ngobubele abantu emidlalweni yeChippa United nokuba kudlalelwa phi.
Emva kokuba iChippa United yafuduka eKapa yazokuzinza eGqeberha, uNtoni wabangomnye wabalandeli bebhola bokuqala abazinika uxanduva lokuyixhasa xa idlalela ekhaya nakwezinye iindawo.
Abalandeli abaninzi bavakalise ukukhathazeka kwabo kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook ukusukela ngokuhlwa ngoMvulo umhla ekuvakele ngawo isithonga sokuwa kwakhe uNtoni. Omnye wabantu awaqala isebe labalandeli naye ngo2014, uVuvu Nkayi, uvakalise ukukhathazeka kwakhe izolo.
“Kubuhlungu kakhulu ukuthetha ngaye phantsi kwale meko. Mna naye sadibana kwisizini ka2014/15. Waba ngusihlalo wokuqala wesebe labalandeli kwisithili sonke. Phantsi kwesandla sakhe, kwamiliselwa amasebe amaninzi.
“Ebengumntu onomnqweno wokubona abantwana befumana amathuba okudlala ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu. Ukuthanda kwakhe ibhola bekungapheleli ebaleni, ebekhuthaza abantwana bethu ukuba mabadlale ibhola. Ebebatha abase ebaleni ababonise into afuna babe yiyo,” utshilo uVuvu enyembezana.
“Kwiingxaki ebezivela kumasebe eChippa, kuthiwa nguye obezisombulula futhi eze nomkhombandlela. UNkayi wongeze ngelithi ukuhama kukaYobho ubathandile yilahleko enkulu. “Ndifunde izinto ezininzi kuye. Ebeqinisekisa ukuba sikhuselekile xa kukho into ebesiye kuyo.
“Besiqiniswa nguye xa kusweleke ilungu. Kubuhlungu ngoku ngoba kuwe yena. Ngubani oza kwenza ezo zinto? Nguye umntu obesimela. Kulahlekelwe thina, abantwana bethu nosapho lwakhe. Soze abekho ofana naye. Uyithandile ibhola ekhatywayo futhi ubathandile abantu,” utshilo uNkayi.
Kufike ixesha lokuba ndibuyele ekhaya, utsho uSiya Kolisi